Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Zijonge Ngendlela Akujonga Ngayo UYehova

Zijonge Ngendlela Akujonga Ngayo UYehova

“Kuba uYehova uyabathanda abantu bakhe.” (Nd 149:4) Nangona singafezekanga uyazibona iimpawu ezintle esinazo nezinto esinokukwazi ukuzenza kwixesha elizayo. Ngamanye amaxesha kusenokuba nzima ukuba sizibone ezo zinto kuthi. Sisenokuvakalelwa kukuba akukho yethu ngenxa yendlela abanye abasiphatha ngayo. Okanye ukuba sisoloko sicinga ngeempazamo esakhe sazenza sisenokungaqiniseki ukuba uYehova usithanda nyhani. Yintoni enokusinceda xa siziva ngolohlobo?

Khumbula ukuba uYehova ubona oko abantu bangenakukwazi ukubona. (1Sa 16:7) Loo nto ithetha ukuba ubona izinto kuthi esingakwaziyo thina ukuzibona. Okuvuyisayo kukuba iBhayibhile inefestile esincedayo sibone indlela uYehova asijonga ngayo. Sinokukroba kuloo festile ngokufunda iivesi zeBhayibhile neengxelo ezichaza indlela uYehova abathanda ngayo abakhonzi bakhe.

BUKELA IVIDIYO ETHI YEYISELA INTLIZIYO YAKHO PHAMBI KUKAYEHOVA, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Usifundisa ntoni umzekelo wembaleki notata wayo ngendlela uYehova asijonga ngayo?

  • Ukuba umntu wenza isono esinzulu aze alungise ubuhlobo bakhe noYehova, unokuyiqinisekisa njani intliziyo yakhe phambi koYehova?—1Yo 3:19, 20

  • Ukufunda nokucingisisa ngebali likaDavide noYehoshafati kumncede njani lo mzalwana?