Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

UYehova Akawulibali Umsebenzi Wethu Onzima

UYehova Akawulibali Umsebenzi Wethu Onzima

Ngamanye amaxesha siye sibenzele izinto ezintle abanye ibe baye bangazixabisi baze bazilibale msinya. Kodwa kubanjani xa sisebenzela uYehova? UThixo wethu onoxabiso akayilibali indlela esimsebenzela ngayo ngamandla ethu onke. Naxa singasakwazi ukwenza izinto ebesiqhele ukuzenza ngenxa yempilo, uYehova akasoze asishiye.—Heb 6:10.

BUKELA IVIDIYO ETHI UYEHOVA AKALIBALI, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Umzalwana uHibshman umsebenzele njani uYehova ngeendlela ezahlukeneyo?

  • UYehova wabonisa njani ukuba akamlibelanga umzalwana uHibshman emva kokusweleka komfazi wakhe naxa wayengasakwazi ukwenza izinto aqhele ukuzenza?

  • Kutheni sinokuthi ubomi bukamzalwana uHibshman benkonzo yexesha elizeleyo bebuzele ziintsikelelo?—IMi 10:22