Eyokuqala YeziKronike 27:1-34

  • Amagosa kakumkani (1-34)

27  Nali inani lamaSirayeli, iintloko zezindlu zootata, abaphathi bamawaka nabamakhulu,+ namagosa abo, awayesebenzela ukumkani+ kuyo yonke imibandela yamaqela awayengena nawayephuma nyanga nganye yonyaka, yaye iqela ngalinye lalinabantu abayi-24 000.  UYashobheyam+ unyana kaZabhediyeli wayephethe iqela lokuqala lenyanga yokuqala, yaye iqela lakhe lalinabantu abayi-24 000.  Koonyana bakaPeretse,+ yena wayeyintloko yabo bonke abaphathi bamaqela abelwe ukusebenza kwinyanga yokuqala.  UDodayi+ umAhowa+ wayephethe iqela lenyanga yesibini ibe uMikeloti wayeyinkokheli, yaye iqela lakhe lalinabantu abayi-24 000.  UBhenaya+ unyana kaYehoyada+ umbingeleli oyintloko, wayephethe iqela elalabelwe ukusebenza kwinyanga yesithathu, yaye iqela lakhe lalinabantu abayi-24 000.  Lo Bhenaya wayelikroti lamashumi amathathu ibe wayeyinkokheli yawo. Iqela lakhe laliphethwe ngu-Amizabhadi unyana wakhe.  Owesine yayinguAsaheli+ umntakwaboYowabhi+ ibe wayephethe kwinyanga yesine. UZebhadiya unyana wakhe waphatha emva kwakhe, iqela lakhe linabantu abayi-24 000.  Owesihlanu yayinguShamhuti umIzra ibe wayephethe kwinyanga yesihlanu, iqela lakhe linabantu abayi-24 000.  Owesithandathu yayinguIra+ unyana kaIkeshe umTekowa+ ibe wayephethe kwinyanga yesithandathu, iqela lakhe linabantu abayi-24 000. 10  Owesixhenxe yayinguHeletse+ umPeloni woonyana bakaEfrayim ibe wayephethe kwinyanga yesixhenxe, iqela lakhe linabantu abayi-24 000. 11  Owesibhozo yayinguSibhekayi+ umHusha wamaZera+ ibe wayephethe kwinyanga yesibhozo, iqela lakhe linabantu abayi-24 000. 12  Owesithoba yayinguAbhi-ezere+ umAnatoti+ wakwaBhenjamin ibe wayephethe kwinyanga yesithoba, iqela lakhe linabantu abayi-24 000. 13  Oweshumi yayinguMaharayi+ umNetofa wamaZera+ ibe wayephethe kwinyanga yeshumi, iqela lakhe linabantu abayi-24 000. 14  Owe-11 yayinguBhenaya+ umPiratoni woonyana bakaEfrayim ibe wayephethe kwinyanga ye-11, iqela lakhe linabantu abayi-24 000. 15  Owe-12 yayinguHeldayi umNetofa, wakwaOteniyeli ibe wayephethe kwinyanga ye-12, iqela lakhe linabantu abayi-24 000. 16  Nazi iinkokheli zezizwe zakwaSirayeli: kumaRubhen uEliyezere unyana kaZikri wayeyinkokheli, kumaSimeyon yayinguShefatiya unyana kaMahaka, 17  kwaLevi yayinguHashabhiya unyana kaKemuweli, kwa-Aron yayinguTsadoki, 18  kwaYuda yayinguElihu,+ omnye wabantakwaboDavide, kwaIsakare yayinguOmri unyana kaMikayeli, 19  kwaZebhulon yayinguIshmaya unyana kaObhadiya, kwaNafetali yayinguYerimoti unyana ka-Azriyeli, 20  kumaEfrayim yayinguHosheya unyana ka-Azaziya, kwihafu yesizwe sakwaManase yayinguYoweli unyana kaPedaya, 21  kwihafu yakwaManase eGiliyadi yayinguIdo unyana kaZekariya, kwaBhenjamin yayinguYahasiyeli unyana ka-Abhinere,+ 22  kwaDan yayinguAzareli unyana kaYeroham. Ezi yayiziinkosana zezizwe zakwaSirayeli. 23  UDavide akazange ababale abantu abaneminyaka eyi-20 nangaphantsi, kuba uYehova wayethembise ukumandisa uSirayeli abe mninzi njengeenkwenkwezi zamazulu.+ 24  UYowabhi unyana kaTseruya waqalisa ukubala, kodwa akazange agqibe, yaye uThixo waba nomsindo kuSirayeli ngenxa yale nto,+ ibe elo nani alizange lifakwe kwingxelo yembali yemihla kaKumkani uDavide. 25  UAzimaveti unyana ka-Adiyeli wayejongene noovimba bobutyebi bukakumkani.+ UYonatan unyana kaUziya wayejongene noovimba* emasimini, ezixekweni, kwiidolophana nakwiinqaba. 26  UEzeri unyana kaKelubhi wayephethe abantu ababesebenza emasimini, belima. 27  UShimeyi umRama wayejongene namasimi eediliya. UZabhedi umShifemoti wayephethe imveliso efakwa kwizisele zewayini. 28  UBhahali-hanan umGedere wayejongene nemithi yomnquma nemithi yesikamore+ ekwiShefela.+ UYowashe wayephethe izisele zeoli. 29  UShitrayi umSharon wayephethe imihlambi yeenkomo eyayisidla eSharon+ ibe uShafati unyana ka-Adelayi wayephethe ­imihlambi yeenkomo esezintlanjeni.* 30  UObhili umIshmayeli wayephethe iinkamela. UYedeya umMeronoti wayephethe iidonki.* 31  UYazizi umHagri wayephethe imihlambi yeegusha neebhokhwe. Bonke aba babengabaphathi bezinto zikaKumkani uDavide. 32  UYonatan,+ unyana womntakwaboDavide, wayengumcebisi, indoda enokuqonda, ekwangunobhala. UYehiyele unyana kaHakemoni wayejongene noonyana bakakumkani.+ 33  UAhitofele+ wayengumcebisi kakumkani ibe uHushayi+ umArki wayengumhlobo* kakumkani. 34  UYehoyada, unyana kaBhenaya,+ noAbhiyatare+ bangena ezihlangwini zika-Ahitofele. UYowabhi+ wayengumphathi womkhosi kakumkani.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “noovimba bobutyebi.”
Okanye “esemathafeni.”
Ngokoqobo, “iimazi zeedonki.”
Okanye “wayengugxa.”