Eyokuqala KwabaseTesalonika 5:1-28

  • Ukuza kwemini kaYehova (1-5)

    • “Siseluxolweni yaye sikhuselekile!” (3)

  • Hlalani nithe qwa, nisezingqondweni (6-11)

  • Ukhuthazo (12-24)

  • Imibuliso yokugqibela (25-28)

5  Ngoku ke bazalwana, akukho mfuneko yokuba ndinibhalele ngamaxesha abekiweyo.  Kuba niyazi kakuhle into yokuba imini kaYehova*+ iza kufika kanye njengesela ebusuku.+  Xa besithi: “Siseluxolweni yaye sikhuselekile!” intshabalalo iza kubaqubula+ kanye njengenimba efikela umfazi okhulelweyo, yaye soze basinde.  Kodwa nina bazalwana, anikho bumnyameni, ukuba ingade loo mini iniqubule njengokuba ukukhanya kwemini kudla ngokuqubula amasela,  kuba nonke ningoonyana bokukhanya nabemini.+ Asingabo abasebusuku okanye ebumnyameni.+  Ngoko masingalali njengokuba abanye besenza,+ kodwa masihlale sithe qwa,+ sisezingqondweni.+  Kuba abo balalayo, balala ebusuku, nabo banxilayo, banxila ebusuku.+  Kodwa thina bangabasemini, masihlale sisezingqondweni, sinokholo nothando ngokungathi sinxibe into yokukhusela isifuba, sinethemba lokusindiswa elifana nomnqwazi wentsimbi,+  kuba uThixo akazange asikhethe ukuze asohlwaye, kodwa wasikhetha ukuze asisindise+ ngeNkosi yethu uYesu Kristu. 10  UYesu wasifela+ ukuze siphile naye, nokuba sithe qwa okanye silele.*+ 11  Ngoko ke hlalani nikhuthazana* yaye nisakhana,+ kanye njengokuba nisenza kakade. 12  Ngoku ke bazalwana, siyanicela ukuba nibe nembeko kwabo basebenza nzima phakathi kwenu, abanikhokelayo kumsebenzi weNkosi nabanicebisayo; 13  nibahloniphe kakhulu yaye nibathande ngenxa yoku­sebenza kwabo nzima.+ Hlalisanani ngoxolo.+ 14  Kwelinye icala, siyanicela bazalwana ukuba nibalumkise abangalawulekiyo,+ nibathuthuzele abakhathazekileyo, nibaxhase abatyhafileyo, nibe nomonde kubo bonke.+ 15  Qinisekani ukuba akukho mntu uphindisayo xa enziwe into embi,+ kodwa hlalani nizimisele ukuphathana kakuhle nina, nize nibaphathe kakuhle nabanye abantu.+ 16  Hlalani nivuya.+ 17  Hlalani nithandaza.+ 18  Hlalani nibulela ngayo yonke into.+ Kuba yiloo nto uThixo ayifunayo kuni njengabalandeli bakaKristu Yesu. 19  Sanukuwucima umoya kaThixo osebenza njengomlilo kuni.+ 20  Sanukuzidelela iziprofeto.+ 21  Qinisekisani zonke izinto,+ nize nibambelele kwezo zilungileyo. 22  Ziphepheni zonke iintlobo zobubi.+ 23  Kwanga uThixo woxolo anganenza nibe ngcwele ngokupheleleyo. Kwanga anganenza nihlale nimsulwa kwindlela enicinga ngayo, kubomi benu nakumzimba wenu bazalwana, nize ningabi nabala ngexesha lobukho beNkosi yethu uYesu Kristu.+ 24  Uthembekile lowo unibizayo, yaye uza kuyenza loo nto. 25  Bazalwana, qhubekani nisithandazela.+ 26  Nisibulisele kubo bonke abazalwana ngokubaphuza.* 27  Ndiniyalela egameni leNkosi ukuba le leta ifundelwe bonke abazalwana.+ 28  Kwanga iNkosi yethu uYesu Kristu inganenzela ububele.*

Umbhalo osemazantsi

Okanye “silele ekufeni.”
Okanye “nithuthuzelana.”
Ngokoqobo, “ngokubaphuza ngendlela engcwele.” Ukuphuza umKristu, mhlawumbi esidleleni, kwakuyindlela eqhelekileyo yokubulisa.
Okanye “ububele obunganifanelanga.”