Eyesibini KwabaseKorinte 13:1-14

  • Balumkiswa baze bakhuthazwe okokugqibela (1-14)

    • “Hlalani nizihlola ukuba nisenalo na ukholo” (5)

    • Vumani ukulungiswa, cingani ngokuvumelanayo (11)

13  Ngoku kokwesithathu ndisiza kuni. “Ukuze kwaziwe ukuba into yinyani okanye bubuxoki, makubekho amangqina amabini okanye amathathu.”+  Nangona ndingekho apho ngoku, kodwa kuyafana nokungathi ndilapho okwesibini, yaye ndibalumkisa kwangoku abo baye bona nabo bonke abanye, ndisithi ukuba ndikhe ndaphinda ndafika apho andizukuba nanceba kubo,  kuba nina nifuna ubungqina bokuba uKristu uyandisebenzisa ukuze ndithethe nani. Yena akakho buthathaka kuni kodwa unamandla phakathi kwenu.  Kaloku wabulawa esibondeni ngenxa yobuthathaka, kodwa uyaphila ngenxa yamandla kaThixo.+ Ewe kona sibuthathaka njengaye, kodwa siza kuphila naye+ ngenxa yamandla kaThixo asebenzayo ebomini benu.+  Hlalani nizihlola ukuba nisenalo na ukholo, hlalani nizihlola ukuba ningabantu abanjani.+ Okanye aniyiboni na into yokuba uYesu Kristu umanyene nani? Ngaphandle kokuba anisafaneleki.  Thina ke sisafaneleka kuThixo, ndiyathemba ukuba niyayiqonda loo nto.  Siyathandaza kuThixo ukuba ningenzi nto imbi, yaye injongo ayikokuba sifuna abanye basibone sifanelekile, kodwa sifuna nenze izinto ezilungileyo, nokuba thina basibona singafanelekanga.  Kuba asinakwenza nto ephikisana nenyaniso, kodwa senza izinto ezivumelana nayo.  Sivuya nyhani xa thina singenamandla kodwa nina ninawo. Sithandazela nokuba nilungiswe. 10  Yiloo nto ndibhala ezi zinto ngoku ndingekho apho, ukuze xa ndikho, ndingalisebenzisi ngokungqongqo igunya endalinikwa yiNkosi,+ kunoko ndakhe kodwa ndingachithi. 11  Okokugqibela, bazalwana, qhubekani nivuya, nilungiswa, nithuthuzelwa,+ nicinga ngokuvumelanayo,+ nihlala ngoxolo;+ yaye uThixo onothando nonika uxolo+ uza kuba nani. 12  Bulisanani ngokuphuzana.* 13  Bayanibulisa bonke abangcwele. 14  Kwanga iNkosi uYesu Kristu inganenzela ububele,* uThixo anithande nize nisikelelwe nangomoya oyingcwele.

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “ngokuphuzana ngendlela engcwele.” Ukuphuza umKristu, mhlawumbi esidleleni, kwakuyindlela eqhelekileyo yokubulisa.
Okanye “ububele obunganifanelanga.”