Kwabase-Efese 4:1-32

  • Ukumanyana emzimbeni kaKristu (1-16)

    • Izipho ezingabantu (8)

  • Ubuntu obudala nobutsha (17-32)

4  Ngoko mna endilibanjwa+ ngenxa yeNkosi ndiyanicela ukuba niphile ngendlela evumelana+ nobizo enabizelwa kulo,  nithobeke ngokupheleleyo,*+ nizolile, ninomonde,*+ ninyamezelana ngothando,+  nizimisele nyhani ukuhlala nimanyene nincedwa ngumoya oyingcwele, niseluxolweni.+  Mnye umzimba,+ mnye nomoya,+ njengokuba nabizelwa kwithemba elinye;+  inye iNkosi,+ lunye ukholo, lunye ubhaptizo;  mnye uThixo noTata wabo bonke abantu, onegunya phezu kwabo bonke, obasebenzisa bonke ukwenza izinto nokubo bonke.  Ngamnye wethu wenzelwa ububele* ngokwendlela uKristu awasahlulahlula ngayo esi sipho.+  Kuba iSibhalo sithi: “Xa wenyukela phezulu wahamba nabathinjwa; waphisa ngezipho ezingabantu.”+  Lithetha ukuthini igama elithi “wenyukela”? Lithetha ukuthi wayekhe wehla, weza kwiindawo ezisezantsi, oko kukuthi emhlabeni. 10  Lo wehlayo ikwangulo wenyukayo,+ enyukela ngaphaya kwawo onke amazulu,+ ukuze aqiniseke ukuba iyenzeka yonke into. 11  Abanye wabenza abapostile,+ abanye abaprofeti,+ abanye abashumayeli bevangeli,*+ abanye abalusi nabafundisi,+ 12  ukuze kuqeqeshwe* abo bangcwele, benze umsebenzi kaThixo, bakhe umzimba kaKristu,+ 13  de sonke simanyane elukholweni nakulwazi oluchanileyo olungoNyana kaThixo, sikhule sibe kwizinga lomntu omdala,+ sikhule ngokupheleleyo njengoKristu. 14  Ngoko masingabi njengabantwana, siphehluzeliswa ngamaza, sisisiwa ngapha nangapha yiyo yonke imimoya yeemfundiso+ zabantu abaqhatha abanye ngamaqhinga. 15  Kodwa masithethe inyani, sithande uThixo nabantu, ukuze sikhule ngandlela zonke njengalowo uyintloko, uKristu.+ 16  Wonke umzimba+ udityaniswa kakuhle uze uvisisane ngenxa yakhe, aze onke amalungu asebenzisane njengoko ilungu ngalinye lidlala indima yalo. Xa ilungu ngalinye liwenza kakuhle umsebenzi walo, utsho ukhule umzimba njengoko uzakha ngokwawo ngenxa yothando.+ 17  Ngoko ndithi kuni yaye ndiyanicela egameni leNkosi, ukuba niyeke ukuphila njengeentlanga,+ kuba zona aziyisebenzisi ingqondo.+ 18  Iingqondo zazo zisebumnyameni yaye azinalo ithemba lobomi uThixo asinika lona, ngenxa yokuba azifuni kuba nalwazi, nangenxa yokuqaqadeka* kweentliziyo zazo. 19  Ziqaqadekile kwindlela yokuziphatha, ziziphatha ngokungenazintloni,*+ zisenza lonke uhlobo lokungcola zinyolukile. 20  Kodwa nina nifundile naza nazi ukuba uKristu akekho njalo, 21  ukuba phofu namva naza nafundiswa ngaye, ekubeni inyaniso ikuYesu. 22  Nafundiswa ukuba nibulahle ubuntu obudala+ obuvumelana nendlela enanikade niziphethe ngayo nobonakaliswa yiminqweno yabo elahlekisayo.+ 23  Mayiqhubeke isenziwa ntsha indlela enicinga ngayo,*+ 24  nize ninxibe ubuntu obutsha,+ obenziwa baba butsha ngokokuthanda kukaThixo, ngobulungisa bokwenene nangokuthembeka. 25  Ngoko ke ekubeni niwayekile amaqhinga, umntu ngamnye makathethe inyani nommelwane wakhe,+ kuba singamalungu omzimba omnye.+ 26  Caphukani, kodwa ningoni;+ malingatshoni ilanga nisenomsindo,+ 27  ningamniki ithuba uMtyholi.*+ 28  Lowo ubayo makayeke ukuba, endaweni yoko makasebenze nzima, esenza izinto ezilungileyo ngezandla zakhe,+ ukuze abe nento anokuyipha umntu odingayo.+ 29  Makungaphumi lizwi libolileyo emlonyeni wenu,+ kodwa malibe lelakhayo xa kufuneka njalo, ukuze libancede abo balivayo.+ 30  Kwakhona, sanukuwenza buhlungu umoya oyingcwele kaThixo,+ eniye nabekwa isitampu ngawo,+ ukwenzela imini yokukhululwa ngokuhlawulelwa.+ 31  Susani yonke inkohlakalo,+ umsindo, ukucaphuka, ukungxolisana, ukuthetha amazwi ahlabayo,+ nayo nantoni na eyenzakalisayo.+ 32  Kodwa yibani nobubele omnye komnye, nibe novelwano,+ nixolelane ngokusuka entliziyweni* kanye njengokuba noThixo wanixolela ngokusuka entliziyweni* ngoKristu.+

Umbhalo osemazantsi

Okanye “nithobeke engqondweni.”
Okanye “nizeke kade umsindo.”
Okanye “ububele obungamfanelanga.”
Okanye “ngabashumayeli beendaba ezilungileyo.”
Okanye “kulungiswe.”
Ngokoqobo, “yokungabi namvakalelo.”
NgesiGrike, a·selʹgei·a. Funda Ingcaciso Yamagama.
Ngokoqobo, “amandla enu aqhuba ingqondo.”
Okanye, “ningamvuleli indawo uMtyholi.”
Okanye “ngesisa.”
Okanye “ngesisa.”