KwabaseFilipi 4:1-23

  • Ukumanyana, ukuvuya, ukucinga izinto ezifanelekileyo (1-9)

    • Sanukuba naxhala lanto (6, 7)

  • Kubulelwa izipho ezisuka kumaFilipi (10-20)

  • Imibuliso yokugqibela (21-23)

4  Ngoko, bazalwana bam endibathandayo nendibakhumbulayo, abandenza ndivuye nabasisithsaba sam,+ yimani niqinile+ ngaloo ndlela eNkosini.  Ndicela uWodiya noSintike bamanyane eNkosini.+  Ndiyakucela nawe mzalwana wam endisebenza naye ukuba ubancede aba bafazi. Bona, uKlemente nabanye baye bazisebenzela nzima iindaba ezilungileyo kunye nam. Amagama abo bonke abhaliwe kwincwadi yobomi.+  Hlalani nivuya ngenxa yeNkosi. Ndiyaphinda ndithi, Vuyani!+  Bonke abantu mababone ukuba nibhetyebhetye.*+ INkosi ikufutshane.  Sanukuba naxhala lanto,+ kodwa zonke izinto zixeleleni uThixo, nithandaza kuye, nimcenga yaye nimbulela;+  yaye uxolo+ lukaThixo oluyodlulayo indlela yabantu yokucinga, luza kuzikhusela iintliziyo+ neengqondo zenu ngoKristu Yesu.  Okokugqibela bazalwana, hlalani nicinga ngezinto eziyinyaniso, izinto ezibalulekileyo, izinto ezibubulungisa, izinto ezicocekileyo,* izinto ezithandekayo, izinto ekuthethwa kakuhle ngazo, izinto ezinesidima, nezinto ezincomekayo.+  Zenzeni izinto enazifunda kum, nazamkela, naziva naza nazibona,+ yaye uThixo woxolo uza kuba nani. 10  Ekubeni ndingumlandeli weNkosi, ndiyavuya kuba niye naphinda nacinga ngam.+ Benisoloko nicinga ngam, kodwa beningenalo ithuba lokuyibonisa loo nto. 11  Le nto andiyithethi kuba kukho izinto endizidingayo, kuba ndifunde ukwanela yiloo nto ndinayo nokuba ndikweyiphi imeko.+ 12  Ndiyayazi ukuba kunjani ukungabi nanto ingako,+ nokuba nezinto ezininzi. Kuzo zonke izinto nakuzo zonke iimeko ndiye ndafunda indlela yokwanela, nokuba ndihluthi okanye ndilambile, nokuba ndinezinto ezininzi okanye andinanto. 13  Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undinika amandla.+ 14  Noko ke, ndiyanibulela ngokundinceda kubunzima endandijongene nabo. 15  Eneneni, nina maFilipi nazi kakuhle ukuba emva kokuba nifunde iindaba ezilungileyo, alikho elinye ibandla endalincedayo nelandincedayo ngaphandle kwenu, emva kokuba ndimkile eMakedoni;+ 16  kuba xa ndandiseTesalonika, nandithumelela izinto endandizidinga kwade kwakabini. 17  Andincwasanga ukuba nindiphe izipho, kodwa ndifuna nenze izinto ezilungileyo eziza kubangela nibe nengxelo entle kakhulu. 18  Noko ke, ndinayo yonke into endiyidingayo nangaphezulu. Akukho nto ndingenayo, kuba uEpafrodito+ undinike zonke izinto enizithumeleyo. Zilivumba elimnandi,+ umbingelelo owamkelekileyo, othandwayo nguThixo. 19  Yena ke uThixo wam onobutyebi obuninzi uza kuninika zonke izinto enizidingayo+ esebenzisa uKristu Yesu. 20  Makazukiswe uThixo uTata wethu ngonaphakade kanaphakade. Amen. 21  Ndibulisa bonke abangcwele abamanyene noKristu Yesu. Bayanibulisa nabazalwana abakunye nam. 22  Bayanibulisa bonke abangcwele, ngokukodwa abendlu kaKesare.+ 23  Kwanga iNkosi uYesu Kristu inganenzela ububele* ngenxa yendlela enicinga ngayo.

Umbhalo osemazantsi

Okanye “ninengqiqo; niyayekelela.”
Okanye “ezinyulu.”
Okanye “ububele obungasifanelanga.”