Kubalisa uLuka 3:1-38

  • Ukuqala komsebenzi kaYohane (1, 2)

  • UYohane ushumayela ngokubhaptizwa (3-20)

  • UYesu uyabhaptizwa (21, 22)

  • Umnombo kaYesu Kristu (23-38)

3  Xa yayingunyaka we-15 kulawula uTibheriyo Kesare, uPontiyo Pilato elawula kwaYuda, uHerode*+ elawula ingingqi* yaseGalili, uFilipu umntakwabo elawula kwilizwe laseIturaya nelaseTrakhoniti, noLisaniya elawula ingingqi yaseAbhilene,  ngemihla yombingeleli oyintloko uAnas noKayafa,+ kwafika ilizwi likaThixo kuYohane+ unyana kaZekariya esentlango.+  Ngoko ke waya kuwo wonke ummandla okufutshane neYordan, eshumayela ukuba abantu mababhaptizwe, babonise ukuba baguqukile, ukuze baxolelwe izono zabo,+  kanye njengokuba kubhaliwe encwadini kaIsaya umprofeti kwathiwa: “Nalo ilizwi livakala entlango lisithi: ‘Lungisani indlela kaYehova!* Susani yonke into ekuyo.+  Mazinyuswe zonke iintlambo, kuthotywe zonke iintaba neenduli; mazolulwe iindlela ezigoso, kugangathwe neendlela ezinamatye;  ibe wonke umntu uza kutsho ayibone indlela asindisa ngayo uThixo.’”+  Xa abantu babesiza kuYohane bezokubhaptizwa, wayesithi kubo: “Nzalandini yamarhamba, ngubani onilumkisileyo ukuba niyibaleke intshabalalo kaThixo ezayo?+  Ngoko ke, yenzani izinto ezibonisa ukuba niguqukile. Sanukufane nithi, ‘Utata wethu nguAbraham.’ Kuba ndithi kuni, uThixo angamvelisela abantwana nakula matye uAbraham.  Izembe selikulungele ukuyigawula ezingcanjini imithi. Ngoko ke, yonke imithi engavelisi ziqhamo zihle iza kugawulwa ize iphoswe emlilweni.”+ 10  Abantu babedla ngokuthi kuye: “Sithini ke?” 11  Wayebaphendula athi: “Umntu onezambatho ezibini makaphe umntu ongenaso nesinye, nomntu onokutya makenjenjalo.”+ 12  Kweza kuye nabaqokeleli berhafu befuna ukubhaptizwa,+ besithi: “Mfundisi, senze ntoni?” 13  Wathi kubo: “Sanukubiza* irhafu engaphezu kwaleyo ifunekayo.”+ 14  Namajoni athi kuye: “Senze ntoni?” Wathi kuwo: “Sanukuhlupha mntu,* okanye nimangalele abantu bengenzanga nto,+ kodwa yanelani zizinto eninazo.”* 15  Abantu babelindele uKristu, ibe babezibuza ngoYohane besithi, “Akangebi nguye na uKristu?”+ 16  UYohane wabaphendula bonke, esithi: “Mna ndinibhaptiza ngamanzi, kodwa kuza ongaphezu kwam, omkhulu kangangokuba andifaneleki nokukhulula iimbadada ezi zakhe.+ Yena uza kunibhaptiza ngomoya oyingcwele nangomlilo.+ 17  Umhlakulo wakhe wokwela usesandleni sakhe, yaye uza kulicoca ngokupheleleyo ibala lakhe lokubhula, ayiqokelelele kuvimba ingqolowa yakhe, aze wona umququ awutshise ngomlilo ongacimekiyo.” 18  UYohane wayebakhuthaza abantu ngeendlela ezininzi yaye ebaxelela iindaba ezilungileyo. 19  Kodwa uHerode owayelawula loo ngingqi, owalulekwa nguYohane ngokuthatha uHerodiya umfazi womntakwabo, nangezinye izinto ezimbi awayezenzile, 20  wongeza kwezo zinto zimbi ngokuvalela uYohane ejele.+ 21  Xa kwakubhaptizwa abanye abantu, noYesu wabhaptizwa.+ Wathi xa ethandaza, lavuleka izulu,+ 22  kwehla phezu kwakhe umoya oyingcwele omile njengehobe, kwaza kwavakala ilizwi livela ezulwini lisithi: “UnguNyana wam endimthandayo, nondivuyisayo.”+ 23  UYesu+ wayeneminyaka emalunga neyi-30 xa waqalisa ukushumayela.+ Abantu babemaziengunyana kaYosefu,+unyana kaHeli, 24  unyana kaMathathi,unyana kaLevi,unyana kaMelkhi,unyana kaYanayi,unyana kaYosefu, 25  unyana kaMatathiya,unyana ka-Amosi,unyana kaNahum,unyana kaEsli,unyana kaNagayi, 26  unyana kaMahathi,unyana kaMatathiya,unyana kaSemeyin,unyana kaYoseki,unyana kaYoda, 27  unyana kaYowanan,unyana kaResa,unyana kaZerubhabheli,+unyana kaShelatiyeli,+unyana kaNeri, 28  unyana kaMelkhi,unyana ka-Adi,unyana kaKosam,unyana kaElmadam,unyana kaEre, 29  unyana kaYesu,unyana kaEliyezere,unyana kaYorim,unyana kaMathati,unyana kaLevi, 30  unyana kaSimiyon,unyana kaYudas,unyana kaYosefu,unyana kaYonam,unyana kaEliyakim, 31  unyana kaMeleya,unyana kaMena,unyana kaMatatha,unyana kaNatan,+unyana kaDavide,+ 32  unyana kaYese,+unyana kaObhedi,+unyana kaBhohazi,+unyana kaSalmon,+unyana kaNashon,+ 33  unyana ka-Aminadabhi,unyana ka-Arni,unyana kaHetseron,unyana kaPeretse,+unyana kaYuda,+ 34  unyana kaYakobi,+unyana kaIsake,+unyana ka-Abraham,+unyana kaTera,+unyana kaNahore+ 35  unyana kaSerugi,+unyana kaRewu,+unyana kaPelege,+unyana kaEbhere,+unyana kaShela,+ 36  unyana kaKayinan,unyana ka-Arpakhishadi,+unyana kaShem,+unyana kaNowa,+unyana kaLameki,+ 37  unyana kaMethusela,+unyana kaEnoki,unyana kaYaredi,+unyana kaMahalaleli,+unyana kaKayinan,+ 38  unyana kaEnoshi,+unyana kaSete,+unyana ka-Adam,+unyana kaThixo.

Umbhalo osemazantsi

Ngokoqobo, “ikota yengingqi.”
Oko kukuthi, uHerode Antipas. Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “Sanukuqokelela.”
Okanye “yanelani yimirholo yenu.”
Okanye “Sanukohlutha abantu iimali zabo.”