Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Lunjani Uxinezeleko?

Lunjani Uxinezeleko?

UJAMES * ukhumbula oku: “Xa ndandineminyaka eli-12 ubudala, ndavuka ngenye intsasa ndahlala ekoneni yebhedi yam ndaza ndazibuza, ‘Ngaba ndiza kufa namhlanje?’” Uxinezeleko lukaJames lwalukwinqanaba eliphezulu. Sele kudlule iminyaka engama-30, uJames uthi: “Ubomi bam bonke, bendisilwa nokugula ngokweemvakalelo nasengqondweni.” Ngoxa wayesemtsha uJames waziva engento yanto kangangokuba wazikrazula zonke iifoto zakhe zobusana. Uthi: “Ndandingakufanelekelanga nokukhunjulwa oku.”

Ngenxa yokuba sikhe sibe buhlungu, sisenokucinga ukuba siyalwazi uxinezeleko. Kodwa eneneni lunjani uxinezeleko?

Lutyhoboza Ngokungenalusini

Ngokwahlukileyo ekubeni buhlungu nje okwexeshana, uxinezeleko lusoloko lukuthintela kwimisebenzi yemihla ngemihla.

Ngokomzekelo, ngaphezu kweminyaka engama-40, uÁlvaro “wayenengxaki yokoyika, ukuphazamiseka engqondweni, ukunxunguphala nokukhathazeka.” Uthi: “Ngenxa yokuxinezeleka, ndandiphazanyiswa ziimbono zabanye abantu. Ndandizibek’ ityala nangantoni na engahambi kakuhle.” Uchaza uxinezeleko “njengokuba neentlungu kodwa ungazi ukuba zindawoni, woyike kodwa ungazi ukuba woyika ntoni wakugqiba ungafuni ukuthetha ngaloo nto.” Ekubeni ngoku ezazi iimpawu zesigulo sakhe kutsho kwee qabu. Uthi, “Ndiziva ndibhetele ngenxa nje yokuba kukho nabanye abantu abanengxaki efanayo neyam.”

UMaria oneminyaka engama-49 ubudala waseBrazil wayenoxinezeleko olumbangela ukuba aphuthelwe, abe neentlungu, acaphuke msinya aze “ahlale ekhathazekile.” UMaria wakhululeka akuxelelwa ngesigulo sakhe. Uthi: “Kodwa ndakhathazeka kakhulu, ngenxa yokuba bambalwa abantu abalwaziyo uxinezeleko yaye uba yintlekisa xa uneso sigulo.”

Ngaba Umele Uzikhathaze Ngalo?

Nangona maxa wambi uxinezeleko lubangelwa zizinto esizaziyo, lona lufika lungabhungisanga. URichard waseMzantsi Afrika uthi: “Uye uzibone sele ukhathazekile ngaphandle kwesizathu. Akufanga mntu yaye akukho nto yehlileyo. Sekunjalo, uba buhlungu yaye ungabi namdla wanto. Yaye le ntlungu ayipheli. Ayibikho nje into entle yaye awazi ukuba kutheni.”

Akulohlazo kwaphela ukuxinezeleka. UAna waseBrazil waziva ehlazekile ngoxinezeleko awayenalo. Uthi: “Ndisaziva ndihlazekile nangoku sele kudlule iminyaka esibhozo ndixinezelekile.” Akakwazi ukumelana nale ntlungu akuyo. Uthi: “Maxa wambi kude kube buhlungu nomzimba. Asikho nje isihlunu esingabuhlungwanga emzimbeni. Kuthi kwakuba njalo kube nzima nokuvuka oku.” Kubakho namaxesha okuba alile angayeki. Uthi: “Ndilila de kube ngathi negazi eli lam alisahambi.”

“Uye uzibone sele ukhathazekile ngaphandle kwesizathu”

IBhayibhile ibonisa ukuba abantu banokuxinezeleka kakhulu. Ngokomzekelo, umpostile uPawulos wayexhalabele ukuba ndoda ithile ‘ingadliwa kukuba buhlungu kwayo ngokugqithiseleyo.’ (2 Korinte 2:7) Abanye abantu xa bexinezelekile baba sentlungwini kangangokuba bade banqwenele ukuba kuse befile. Abantu abaninzi bavakalelwa njengomprofeti uYona owathi: “Kulunge ngakumbi ukufa kum kunokuphila.”—Yona 4:3.

Yintoni enokwenziwa ngabantu abaxinezelekileyo ukuze bahlangabezane nale meko?

^ isiqe. 2 Amagama akolu ngcelele lwamanqaku atshintshiwe.