Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Abantu Bathe Tii Yimini Yentshabalalo

Abantu Bathe Tii Yimini Yentshabalalo

NGABA uba nexhala xa ucinga ngekamva? Ukuba kunjalo, akuwedwa. Kwamandulo, abantu bebesoloko befunisela ngekamva, yaye abaninzi bagqibe kwelokuba ikamva labantu limfiliba. Kangangamawaka eminyaka, abantu bebenomdla wokwazi ngemini yentshabalalo okanye isiphelo sehlabathi.

Ngokomzekelo, khawucinge ngebali lakutshanje. Amabali ahlekisayo, oomabonwakude, amakhulukhulu eemovie, namawaka-waka encwadi athetha ngehlabathi eliza kutshabalala. La mabali athetha ngezinto ezihlasela zize zitshabalalise bonke abantu—iirobhothi ezibulalayo, amagongqongqo ahlukahlukeneyo, izidalwa ezivela kummandla ongaphandle komhlaba, njalo njalo. Akukho mntu ufane awakholelwe la mabali!

Kula mabali, akho ashiya abantu betyhwatyhwa. Ezinye izinto ezichazwa kuwo zinxulunyaniswa nenzululwazi. Abanye bathi umhlaba uza kugqabhuka kuze oko kuphumele kwiintlekele, itsunami, iinyikima, neentaba mlilo. Enye inkolelo yeyokuba iiplanethi ziya kuhamba kumgca omnye olungeleleneyo lize ilanga litshise kakhulu kubekho umbhodamo emhlabeni. Abanye bathi umhlaba uya kujika kwicala ojonge kulo ize imitha yelanga ijonge emhlabeni ngqo, sitsho sife sonke. Musa ukoyika. Ezi zizinto ezingasayi kuze zenzeke. Kodwa ke, abantu abaninzi baxhalatyiswa gqitha zizo.

Kuthekani ngenkumbula yeencwadi neeWebhsayithi ezithetha  ngentshabalalo nezibonisa ukuba ihlabathi liza kutshabalala kulo nyaka ngoDisemba 21? Kukho ibango lokuba iplanethi iNibiru (okanye iPlanet X) ihamba kumzila eza kungquzulana nomhlaba kuwo ngoDisemba 2012. Le ngcamango kuquka nezinye isekelwe kwinkcazelo engenasihlahla ekuthiwa ivela kwikhalenda iMaya, ephela kubusika bowama-2012.

Ngenxa yokuva ezi zinto, bambi baye bachitha intywenka yemali bezakhela iindawo zokuzikhusela ngasemva kwiiyadi zabo, ezinye phantsi komhlaba. Abanye baye bafudukela ezintabeni ukuze bangaxhomekeki mntwini ngezinto ezisisiseko ezifana namanzi, ubushushu, okanye umbane.

Kakade ke, kukho nabo bangakholelwayo kwezi zinto. Abafuni nokuva ngento yokuba umhlaba uza kutshatyalaliswa. Ngokomzekelo izazinzulu zeNASA, zithi: “Akukho nto imbi eza kwenzeka emhlabeni ngowama-2012. Iplanethi yethu imalunga neminyaka eziibhiliyoni ezi-4 ikho, yaye izazinzulu ezaziwayo ehlabathini zithi akukho sisongelo sentshabalalo eza kufika ngowama-2012.”

Noko ke, kuya kuba yimpazamo ukugqiba ngelithi akusoze kubekho ntshabalalo iya kuze ifikele abantu, okanye ukuthi leyo yintsomi okanye iphupha elingenakuze lenzeke. Ngaba ngokwenene iza kufika imini yentshabalalo? Ukuba kunjalo, iza kufika njani yaye nini?