Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Khuthazeka

Khuthazeka

Ukuze into ikukhuthaze, umele ubone into eluncedo kuyo.

SILUNCEDO ngantoni isikolo? Siya kukunceda ufumane ubulumko, ibe iBhayibhile ithi “ubulumko buyakhusela.” (INtshumayeli 7:12) Njani? Umzekelo: Masithi uhamba kwisitrato esiyingozi. Yintoni obuya kuyikhetha—kukuzula wedwa okanye ukuphelekwa liqela labahlobo abanokukukhusela xa kuyimfuneko? Xa ufumene imfundo efanelekileyo, uba ngathi uneqela “labahlobo” abomeleleyo abasoloko besecaleni kwakho. Kaloku imfundo ikuxhobisa ngezi zinto:

  • Amandla okucinga. Isikolo sinokukunceda ufumane oko iBhayibhile ibhekisela kuko ngokuba “bubuchule nobulumko.” (IMizekeliso 3:21, IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996) Ukuzuza obu buchule kuya kukunceda ukwazi ukuzicombululela iingxaki zakho kunokusoloko uxhomekeke ekubeni uncedwe ngabanye.

  • Ubuchule bokuphila nabanye. IBhayibhile ibongoza amaKristu ukuba azabalazele ukuba neempawu ezifana nokuzeka kade umsindo nokuzeyisa. (Galati 5:22, 23) Ukunxulumana nabantu abahlukahlukeneyo esikolweni kukunceda ufumane ithuba lokuzihlakulela kakuhle ezo mpawu, kuquka ukubanyamezela nokuba novelwano kwabanye—le mikhwa iya kukunceda naxa sele umdala.

  • Uqeqesho oluluncedo. Isikolo singakunceda ufunde imikhwa efanelekileyo yokusebenza, ize ke ikuncede ukwazi ukufumana umsebenzi yaye uhlale kuwo. Enye into, ukufunda ngakumbi ngezinto ezikungqongileyo, kuya kukunceda uzazi kakuhle wena nezinto ezibalulekileyo kuwe. (IMizekeliso 14:15) Xa uxhobe ngolo hlobo, uya kutsho ukwazi ukumela kakuhle izinto ozikholelwayo.—1 Petros 3:15.

Undoqo: Ekubeni kuyimfuneko ukufunda, akuyi kukunceda nganto ukuhlala ucinga ngezinto ongazithandiyo esikolweni. Endaweni yoko, zabalazela ukuba sikukhuthaze ngokucinga ngezi ngenelo zichazwe ngasentla. Mhlawumbi unokude ucinge nangezinye ezingakumbi!

Kutheni ungaqalisi kwangoku? Cinga ngeyona nto unokuncedwa kuyo kukuphumelela esikolweni.