Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO | YINTONI IMPUMELELO YOKWENENE?

Uyijonga Njani Impumelelo?

Uyijonga Njani Impumelelo?

Zivavanye ngokucinga ngale mizekelo ilandelayo.

Ngubani onokuthi uphumelele ngokwenene?

  • UANDILE

    UAndile uneshishini. Unyanisekile, uyazibhokoxa kwaye unembeko. Ishishini lika-Andile liqhuba kakuhle, ngenxa yoko yena nentsapho yakhe baphila kamnandi.

  • UXOLA

    UXola naye uneshishini elifana nelika-Andile, yaye wenza imali engakumbi. Kuba efuna ukunkqenkqeza phambili, uXola likhoboka lomsebenzi yaye ngenxa yoko usoloko egula.

  • UVUYISWA

    UVuyiswa uzimisele esikolweni yaye uyakuthanda ukufunda. Ngenxa yoko uqhuba kakuhle.

  • UNONCEDO

    UNoncedo uqhuba kakuhle kunoVuyiswa yaye unkqenkqeza phambili esikolweni—kodwa uyakopa yaye akanamdla kwizifundo zakhe.

Ukuba uthi uXola noNoncedo—okanye bobane—baphumelele, uya kuba impumelelo uyijonga ngemiphumo kuphela, awuyise so indlela eye yafunyanwa ngayo.

Kwelinye icala, ukuba ukhetha uAndile noVuyiswa, ngokuqinisekileyo impumelelo uyijonga ngeempawu zaloo mntu nangendlela asebenza ngayo. Kusengqiqweni ukwenza ngaloo ndlela. Ngokomzekelo:

  • Yintoni eya kumnceda uNoncedo ekuhambeni kwexesha—ngaba kukuphumelela emagqabini okanye kukukhuthalela ukufunda?

  • Yintoni eya kunceda abantwana bakaXola—ngaba kukuba nayo yonke into enokuthengwa ngemali okanye kukuba notata okuxabisayo ukuba kunye nabo?

Undoqo kukuba: Impumelelo elilize isekelwe kwizinto ezibonakalayo; ngoxa yona impumelelo yokwenene isekelwe kwizinto ezibalulekileyo ebomini.