Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Bazinikela Bengaqhutywa Mntu—EMyanmar

Bazinikela Bengaqhutywa Mntu—EMyanmar

“ISIVUNO, eneneni, sikhulu, kodwa abasebenzi bambalwa. Ngoko ke yibongozeni “iNkosi yesivuno” ukuba ikhuphe abasebenzi baye esivunweni sayo.” (Luka 10:2) La mazwi athethwa nguYesu kwiminyaka eyi-2 000 eyadlulayo ayichaza kakuhle imeko yaseMyanmar. Kutheni sisitsho nje? EMyanmar kukho abantu abayi-55 miliyoni, kodwa bona abavakalisi bayi-4 200 kuphela.

Noko ke, iNkosi yesivuno, uYehova, iye yafikelela iintliziyo zabazalwana noodade abaninzi abasuka kwiindawo ezahlukeneyo, ukuze bayoncedisa kweli lizwe likuMzantsi-mpuma Asia. Yintoni ebabangele ukuba bashiye amakhaya abo? Bancedwe yintoni ukuze bakwazi ukuya eMyanmar? Ibe baye basikelelwa njani? Makhe sibone.

“YIZANI, SIFUNA OOVULINDLELA ABANINZI!”

Kwiminyaka eyadlulayo, uKazuhiro onguvulindlela eJapan wasiwa esibhedlele ngenxa yesifo sokuwa, esasimenza angabikho zingqondweni. Ugqirha wathi makangaqhubi kangangeminyaka emibini. Zange ayikholelwe le nto uKazuhiro. Wazibuza, ‘Ndiza kuwenza njani umsebenzi endiwuthandayo wobuvulindlela?’ Wayethandaza qho kuYehova emcela ukuba amncede angayeki ukuba nguvulindlela.

UKazuhiro noMari

UKazuhiro uthi: “Emva kwenyanga, umhlobo wam owayekhonza eMyanmar weva ngengxaki yam. Wandifowunela esithi: ‘Apha eMyanmar abantu abaninzi basebenzisa iibhasi. Ukuba ungeza apha, uza kukwazi ukushumayela ngaphandle kwemoto!’ Ndabuza kugqirha ukuba imeko yam ingandivumela na ukuba ndiye eMyanmar. Wathi: ‘Ugqirha wengqondo waseMyanmar ulapha eJapan ngoku sithethayo. Ndiza kumxelela ngawe. Ukuba uphinde wagula, uza kukunceda.’ Ndazixelela ukuba uYehova uphendula umthandazo wam.”

Ngoko nangoko, uKazuhiro wabhalela iofisi yesebe yaseMyanmar, esithi yena nenkosikazi yakhe banqwenela ukuba ngoovulindlela eMyanmar. Kwadlula iintsuku ezintlanu, isebe laphendula lisithi, “Yizani, sifuna oovulindlela abaninzi!” UKazuhiro nenkosikazi yakhe uMari, bathengisa iimoto zabo, bafumana iimpepha zokungena eMyanmar, baza bathenga amatikiti enqwelo-moya. Ngoku bakwibandla lentetho yezandla eMandalay ibe bonwabile. UKazuhiro uthi: “Yonke le nto isenze sawathemba amazwi kaYehova akwiNdumiso 37:5 athi: ‘Yiqengqele kuYehova indlela yakho, uze uthembele ngaye, kwaye yena uya kwenza.’”

UYEHOVA UYAYIVULA INDLELA

Ngo-2014 kwabakho indibano ekhethekileyo eMyanmar. Kwaya abazalwana abaninzi abasuka kwamanye amazwe. Omnye wabo nguMonique, udade oneminyaka eyi-34 waseMerika. Uthi: “Ukubuya kwam endibanweni, ndaxelela uYehova ngento endifuna ukuyenza ngobomi bam. Ndathetha nabazali ngezinto endifuna ukuzenzela uYehova. Savumelana ukuba mandibuyele eMyanmar, kodwa isigqibo ndasenza emva kwexesha elide ndithandaza.” UMonique uyasichaza isizathu sokwenza kwakhe isigqibo emva kwexesha elide.

UMonique noLi

Uthi: “UYesu wakhuthaza abalandeli bakhe ukuba ‘babale iindleko.’ Ngoko ndazibuza: ‘Ndiza kuba nayo imali yokuya? Xa ndiseMyanmar, ndiza kukwazi ukuzixhasa ngaphandle kokuba ndichithe ixesha elininzi emsebenzini?” Uthi: “Ndafumanisa ukuba andikabi namali yokuya eMyanmar.” Wakwazi njani ukuya?—Luka 14:28.

UMonique uthi: “Ngenye imini ndabizwa ngumqeshi wam. Ndandisoyika, ndicinga ukuba ndiza kugxothwa. Kodwa wandincoma ngomsebenzi omhle endiwenzayo. Emva koko wandixelela ukuba ndiza kufumana ibhonasi, eyaba yile mali kanye bendishota ngayo ukuze ndibhatale amatyala am.”

UMonique uqale ukukhonza eMyanmar ngoDisemba 2014. Uthi kunjani ukukhonza kwindawo efuna abavakalisi abangakumbi? Uthi: “Kumnandi apha. Ndinezifundo ezithathu, esinye ngumama oneminyaka eyi-67. Qho endibulisa uyancuma aze andange. Walila akuva ukuba igama likaThixo nguYehova. Wathi: ‘Ndiyaqala ngqa ukuva ukuba igama likaThixo nguYehova. Umncinci lee apha kum, kodwa undifundise eyona nto ibalulekileyo.’ Phofu nam lo ndalila. Zizinto ezinje ke ezenza kube mnandi ukukhonza kwindawo efuna abavakalisi abangakumbi.” UMonique ebesandul’ ukuba kwiSikolo Sabavangeli BoBukumkani.

Enye into eyakhuthaza abazalwana noodade abaninzi ukuba baye eMyanmar yiNcwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2013 eyayithetha ngeli lizwe. ULi osele edlulile kwiminyaka eyi-30 wayesele ehlala kuMzantsi-mpuma Asia. Lo dade wayesebenza, kodwa le Ncwadi Yonyaka yamenza wacinga ngokuya eMyanmar. Uthi: “Kwindibano ekhethekileyo eyayiseYangon ngo-2014, ndadibana nomnye umzalwana nenkosikazi yakhe ababekhonza kwintsimi yesiTshayina eyayifuna abavakalisi abangakumbi eMyanmar. Ekubeni ndisazi isiTshayina, ndagqiba kwelokuba ndiye eMyanmar ukuze ndincedise kwiqela lesiTshayina. Ndahamba noMonique, saya eMandalay. UYehova wasinceda ngomsebenzi wokufundisa kwesinye isikolo owawusenza sikwazi ukuya entsimini. Safumana nendawo yokuhlala ekufutshane neso sikolo. Kumnandi ukukhonza apha nakuba kutshisa kakhulu, kukho nezinye iingxaki. Abantu balapha abanazinto zininzi kangako, kodwa banobubele ibe banomdla kakhulu kwiindaba ezilungileyo. Kumnandi ukubona indlela uYehova awukhawulezisa ngayo umsebenzi wokushumayela. Ndiqinisekile ukuba nguYehova obefuna ndibe lapha eMandalay.”

UYEHOVA UYAYIVA IMITHANDAZO

Abazalwana noodade abakhonza kwiindawo ezifuna abavakalisi abangakumbi babone imithandazo yabo iphendulwa. Makhe senze umzekelo ngoJumpei oneminyaka eyi-37 nenkosikazi yakhe uNao oneminyaka eyi-35. Babekhonza kwibandla lentetho yezandla eJapan. Yintoni eyabenza baya eMyanmar? UJumpei uthi: “Mna nenkosikazi besisoloko sifuna ukukhonza kwindawo ekufuneka abavakalisi abangakumbi kuyo kwelinye ilizwe. Omnye umzalwana owayekunye nathi ebandleni eJapan wafudukela eMyanmar. Nangona sasingenamali ingako, nathi samlandela ngoMeyi 2010. Abazalwana noodade basamkela ngobubele!” Uthi injani intsimi yentetho yezandla eMyanmar? Uthi: “Abantu balapha banomdla kakhulu. Abantu abangevayo bavuya kakhulu xa sibabukelisa iividiyo zentetho yezandla. Siyavuya kuba seza kukhonza uYehova apha!”

UNao noJumpei

Bakwazi njani ukuhlala kweli lizwe nakubeni bengenamali? Uthi: “Emva kweminyaka emithathu, yayisele iphela imali esasiyibekile ibe sasingaz’ ukwazi ukubhatala irenti yonyaka olandelayo. Sasingayeki ukuthandaza nenkosikazi ngale nto. Singalindelanga, safumana ileta eyayisuka kwiofisi yesebe ethi masibe ngoovulindlela abakhethekileyo bokwexeshana. Sasimthembile uYehova, ibe akazange asiphoxe. Wayesoloko enathi.” UJumpei noNao nabo basandul’ ukuya kwiSikolo Sabavangeli BoBukumkani.

UYEHOVA UKHUTHAZA NABANYE

Kwakutheni ukuze uSimone, umzalwana oneminyaka eyi-43 waseItali, nenkosikazi yakhe uAnna oneminyaka eyi-37 waseNew Zealand, baye eMyanmar? UAnna uthi: “Sakhuthazwa yiNcwadi Yonyaka Ka-2013 eyayithetha ngeMyanmar.” USimone uthi: “Kuyavuyisa ukukhonza apha eMyanmar. Ubomi balapha abufuni zinto zininzi, bundenza ndibe nexesha elininzi lomsebenzi kaYehova. Ndiyavuya xa ndibona indlela uYehova asikhathalela ngayo xa sikhonza kwindawo efuna abavakalisi abangakumbi.” (INdu. 121:5) UAnna uthi: “Andizange ndonwabe ngolu hlobo. Asizixakekisi ngezinto ezininzi. Ndisoloko ndikunye nomyeni wam, ibe sivana kakhulu. Sinabo nabahlobo. Abantu balapha bayawathanda amaNgqina, ibe banomdla kwiindaba ezilungileyo.” Njani?

USimone noAnna

UAnna uthi: “Ndakha ndashumayela kwenye intombi efunda eyunivesithi endandidibene nayo emarikeni, saza sabeka usuku nexesha esiza kuphinda sidibane ngalo. Ngolo suku yafika ihamba netshomi yayo. Ngolunye usuku yeza nabanye. Ethubeni yeza nabanye abaninzi kunabokuqala. Ngoku ndifundela abahlanu kubo.” USimone uthi: “Abantu esishumayela kubo banobubele ibe basoloko befuna ukwazi. Baninzi abantu abanomdla apha, kodwa ke asinaxesha laneleyo lokubafundela bonke.”

USachio noMizuho

Abanye benze ntoni ngaphambi kokuba bagqibe ukuya kukhonza eMyanmar? UMizuho waseJapan uthi: “Mna nomyeni wam uSachio besisoloko sifuna ukuya kwilizwe elifuna abavakalisi abangakumbi, kodwa singazi ukuba siye kweliphi. Sathi sakufunda ngeMyanmar kwiNcwadi Yonyaka Ka-2013, sazibuza ukuba singakwazi na thina ukuya kukhonza apho.” USachio yena uthi: “Sagqiba ekubeni sikhe siye kujonga ikomkhulu laseMyanmar, iYangon, kangangeveki. Loo veki yasenza sabona ukuba simele size kukhonza apha.”

NGABA UNGAYA NAWE?

UJane uDanica, uRodney noJordan,

URodney nenkosikazi yakhe uJane abasuka eOstreliya nabaneminyaka engaphezu kweyi-50, unyana wabo uJordan nentombi yabo uDanica, bebekhonza eMyanmar ukususela ngo-2010. URodney uthi: “Eyona nto yasikhuthazayo kukubona indlela abantu ababefuna ngayo ukwazi uThixo. Ndikhuthaza nezinye iintsapho ukuba ziye kukhonza kwindawo efana neMyanmar.” Ngoba? Uthi: “Ukuza apha kuyincede kakhulu intsapho yam yasondela kuYehova! Abantu abaninzi abasebatsha baxakeke ziifowuni, iimoto, imisebenzi, nezinye izinto. Abantwana bethu bona baxakeke kukufunda ulwimi ukuze bakwazi ukushumayela. Bafunda iindlela zokucacisa iBhayibhile kubantu abangayaziyo nokuphendula ezintlanganisweni, ibe baxakeke nazezinye izinto zentlangano.”

UOliver noAnna

Umzalwana waseMerika oneminyaka eyi-37, uOliver, uchaza isizathu sokuba akhuthaze abanye abavakalisi ukuba baye kukhonza apho kufuneka abavakalisi abangakumbi esithi: “Ukukhonza uYehova kwindawo endingayiqhelanga kuye kwandinceda kakhulu. Ukumka ekhaya kundenze ndamthemba uYehova ukuba uza kundinceda kuzo zonke iingxaki endidibana nazo. Ndikhonza nabazalwana noodade ebendingabazi, kodwa sidityaniswa lukholo Iwethu. Le nto yenzeka kwintlangano kaThixo kuphela.” Ngoku uOliver nenkosikazi yakhe uAnna, bakhonza kwintsimi yesiTshayina.

UTrazel

UTrazel, udade waseOstreliya oneminyaka eyi-52 ebekhonza eMyanmar ukususela ngo-2004. Uthi: “Ukuba iimeko ziyakuvumela, ndiyakukhuthaza ukuba uye kukhonza kwindawo efuna abavakalisi abangakumbi. Ndiyibone apha kum into yokuba, xa ufuna ukwandisa inkonzo yakho, uYehova uza kukusikelela. Zange ndayiphupha nokuyiphupha into yokuba ndiya kuze ndiphile ubomi obumnandi kangaka.”

Akwaba la mazwi abazalwana noodade abakhonza eMyanmar angakukhuthaza nawe uyokunceda kwiindawo ekungazange kushunyayelwe kuzo. Aba bazalwana bathi kuwe, “Siyakucela, welela ngapha eMyanmar uze usincede!”