Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Wayethetha ukuthini uYesu xa wayesithi: “Sanukucinga ukuba ndizise uxolo”?

UYesu wayeshumayela umyalezo wokuba kuxolelwane. Kodwa wakhe wathi kubapostile bakhe: “Sanukucinga ukuba ndizise uxolo emhlabeni; andizisanga luxolo, ndizise ikrele. Kuba ndize kwahlukanisa indoda notata wayo, intombi nomama wayo, umolokazana nomazala.” (Mat. 10:34, 35) Wayetheth’ ukuthini?

UYesu wayengafuni ukwahlukanisa iintsapho, kodwa wayesazi ukuba izinto azifundisayo zaziza kwenza ezinye zingavani. Ngoko, abo babefuna ukuba ngabafundi bakaKristu baze babhaptizwe kwakufuneka bazi ukuba loo nto yayisenokwenza kubekho iingxaki. Xa loo ngxaki ikukuba bengafunwa ngabantu abatshate nabo okanye basekhaya, kwakusenokuba nzima ukuthembeka kwiimfundiso zikaKristu.

IBhayibhile ikhuthaza amaKristu ukuba ‘abe seluxolweni nabantu bonke.’ (Roma 12:18) Kodwa izinto ezifundiswa nguYesu zisenokufana ‘nekrele’ kwezinye iintsapho. Le nto yenzeka xa ekhayeni kukho umntu ozamkelayo iimfundiso zikaYesu, abanye bangafuni nokuziva. Xa kunjalo, abantu belo khaya baba ‘ziintshaba’ zalo mntu ufunda inyaniso.—Mat. 10:36.

Ngamanye amaxesha, kubafundi bakaKristu abahlala nentsapho ehamba kwenye icawe kuye kuvele iingxaki ezifuna babonise ukuba bamthanda kangakanani uYehova noYesu. Ngokomzekelo, le ntsapho isenokuzama ukubanyanzela ukuba babhiyozele iholide enento yokwenza nenkolo. Xa kusenzeka loo nto, baza kufuna ukuvuyisa bani? UYesu wathi: “Nabani na othanda utata okanye umama wakhe ngaphezu kwam, akandifanelanga.” (Mat. 10:37) Ngaloo mazwi, uYesu wayengathi ukuze bamfanele abafundi bakhe bafanele bangabathandi kakhulu abazali babo. Kodwa wayesithi bafanele bayazi eyona nto ibalulekileyo ebomini babo. Ukuba abantu basemakhaya abangengomaNgqina abayifuni into yokuba sikhonza uYehova, asiyeki ukubathanda, kodwa eyona nto ibaluleke kakhulu kuthi kukuthanda uThixo.

Kubuhlungu nyhani ukungafunwa ngabantu bakowenu ngenxa yokuba ukhonza uYehova. Kodwa, abafundi bakaYesu bamele bahlale bekhumbula la mazwi akhe athi: “Nabani na ongasamkeliyo isibonda sakhe sokungcungcutheka aze andilandele, akandifanelanga.” (Mat. 10:38) Ngamanye amazwi, amaKristu ayazi ukuba ukungafunwa yintsapho ngenxa yokuba ekhonza uYehova yenye yeentlungu amele akulungele ukuzinyamezela. Kwangaxeshanye, anethemba lokuba indlela aziphethe kakuhle ngayo iza kwenza abantu bakowawo abangengomaNgqina batshintshe indlela abacinga ngayo baze bafune ukufundiswa umyalezo oseBhayibhileni.—1 Pet. 3:1, 2.