Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUFUMANA ULONWABO

Funda Ezinye Izinto

Funda Ezinye Izinto

NGABA WAKHA WAZIBUZA UKUBA:

  • Inokonwaba njani intsapho yam?

  • Ndingabafumana njani abahlobo bokwenene ndize nam ndibe nguloo mhlobo?

  • Likhona ithemba ngabantu endibathandayo abaswelekayo?

  • Ngaba izinto ezimbi zingaze ziphele?

  • Ngaba abantu baza kuwonakalisa de uphele umhlaba?

  • Ngaba zonke iicawa zifundisa ngoThixo oyinyaniso?

UNGAZIFUMANA IIMPENDULO ZALE MIBUZO NEMINYE ONAYO

Yiya ku-jw.org/xh, iwebhsayithi efumaneka ngeelwimi ezingaphezu kwe-900. Kuyo, ungafumana imixholo emininzi eza kukunceda.

Uza kubona iividiyo zabantu abaneemvelaphi ezahlukeneyo abaye bafumana ulonwabo ibe abazisoli tu. Abanye babesebenzisa iziyobisi, abanye bengamabanjwa. Kukho nabafunde kakhulu njengoososayensi.

Ku-jw.org/xh, uza kukwazi ukufumana okanye udawunlowude simahla iBhayibhile nezinye iincwadi ezininzi. Kukho imixholo efana nethi: