Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Intsalela Yabo Ilingene Ukuswela Kwenu

Intsalela Yabo Ilingene Ukuswela Kwenu

Ngowama-49 C.E., uPetros, uYakobi noYohane—‘ababebonakala beziintsika’—bathuma umpostile uPawulos noBharnabhas. Kwakufuneka baqhubeke becinga ngamaKristu angathathi ntweni njengoko beshumayela kwiintlanga. (Gal. 2:9, 10) Yafezwa njani le mbopheleleko?

Siyakwazi ukubona ukuba uPawulos wanikela ingqalelo kulo mba xa sijonga iileta zakhe. Ngokomzekelo, wawabhalela oku amaKristu aseKorinte: “Ngokuphathelele ukuqokelelela abo bangcwele, kanye njengoko ndawayalelayo amabandla aseGalati, yenzani ngaloo ndlela nani. Ngolokuqala usuku evekini ngamnye wenu endlwini yakhe makabekele bucala okuthile kuvimba ngokwengeniso ayizuzileyo, ukwenzela ukuba ningaqali ukuqokelela ndakuba ndifikile. Ndakufika ndothuma nabaphi na abantu enibancomeleyo ngeencwadi, ukuba bathwale isipho senu sobubele basise eYerusalem.”—1 Kor. 16:1-3.

Kwileta yakhe yesibini ephefumlelweyo awayibhalela abaseKorinte, uPawulos waphinda wachaza injongo yale minikelo. Wathi: “Ukuze ngokulinganisa intsalela yenu ngoku ilingane ukuswela kwabo.”—2 Kor. 8:12-15.

Xa uPawulos wayebhalela amaKristu aseRoma malunga nowama-56 C.E., kwakusele kuza kugqitywa ukuqokelelwa kwale minikelo. Wathi: “Sele ndiza kuhamba ndiye eYerusalem ukuya kulungiselela kwabo bangcwele. Kuba abo baseMakedoni naseAkhaya baye bakholiswa kukwaba izinto zabo njengomnikelo kwabo bangcwele bangamahlwempu eYerusalem.” (Roma 15:25, 26) Kuyabonakala ukuba, akuzange kube kudala uPawulos walufeza uthumo lwakhe, kuba wathi akubuyela eYerusalem apho wabanjwa khona, wayixelela oku iRhuluneli yaseRoma uFeliks: “Ndafika ndizise izipho zenceba kuhlanga lwakowethu, neminikelo.”—IZe. 24:17.

Isimo sengqondo esaboniswa ngamaKristu enkulungwane yokuqala siyacaca xa uphulaphula oko kwathethwa nguPawulos ngabaseMakedoni. Wathi: “Basibongoza ngokubongoza okukhulu ukuba babe nelungelo lokunikela ngobubele.” Lo mpostile wabongoza abaseKorinte ukuba bawuxelise loo mzekelo. Wathi: “Ngamnye makenze kanye njengoko egqibile entliziyweni yakhe, kungekhona ngokukrokra okanye ngokunyanzelwa, kuba uThixo uthanda umphi ochwayitileyo.” Yintoni eyabangela amabandla ukuba abonise lo moya wokupha? Ayenganqweneli nje ‘ukubonelela kuphela ngokuyintabalala iintswelo zabo bangcwele kodwa ayefuna nokuba zizityebi ngeembonakaliso ezininzi zombulelo kuThixo.’ (2 Kor. 8:4; 9:7, 12) Nathi sinokuba neenjongo ezifanayo xa sisipha. Ngokuqinisekileyo uYehova uThixo uya kuwusikelela loo moya mhle nowobubele—yaye intsikelelo yakhe ityebisa ngokwenene.—IMize. 10:22.

IINDLELA ABANYE ABAKHETHA UKUNIKELA NGAZO KUMSEBENZI OWENZIWA EHLABATHINI LONKE

Njengakwimihla kaPawulos, abaninzi ‘babekela bucala okuthile,’ okanye imali baze bayifake kwiibhokisi zeminikelo ezisemabandleni ezibhalwe “Umsebenzi Owenziwa Ehlabathini Lonke.” (1 Kor. 16:2) Nyanga nganye, amabandla athumela le minikelo kwiofisi yamaNgqina kaYehova ekwilizwe akulo. Unako ukuyithumela ngokuthe ngqo iminikelo kumbutho osemthethweni osetyenziswa ngamaNgqina kaYehova kwilizwe okulo. Ukuze wazi igama lombutho oyintloko osetyenziswa ngamaNgqina kaYehova akwilizwe lakho, sicela uqhagamshelane neofisi yesebe ekwilizwe okulo. Iadresi yeofisi yesebe iyafumaneka kuwww.ps8318.com. Nantsi iminikelo onokuyithumela ngokuthe ngqo:

UKUNIKELA NGOKUTHE NGQO

  • Ukunikela ngemali, izacholo, okanye ezinye izinto zexabiso.

  • Quka ileta ebonisa ukuba imali okanye izinto ezithile ziyiminikelo esuka kuwe ngokuthe ngqo.

UKUNIKELA OKUCETYIWEYO

Ukongezelela kwizipho zemali nezinto ezixabisekileyo, zikho ezinye iindlela zokunikela kumsebenzi woBukumkani owenziwa ehlabathini lonke. Ezi ndlela ziyachazwa apha ngezantsi. Enoba uthanda ukusebenzisa yiphi kwezi ndlela, sicela uqale uqhagamshelane neofisi yesebe ekwilizwe okulo ukuze ubone iindlela ezisetyenziswayo kwelo lizwe. Ekubeni imithetho yamazwe neyeerhafu ingafani, kubalulekile ukuqhagamshelana neengcali kwezerhafu nezomthetho ngaphambi kokukhetha eyona ndlela ibhetele yokunikela.

I-Inshorensi: Umnikelo owenziwa ngokubhalisa umbutho osetyenziswa ngamaNgqina kaYehova njengomele ufumane imali yeinshorensi xa uye wasweleka okanye umbutho ufumane imali kwilungiselelo lomhlala-phantsi.

Iiakhawunti Zebhanki: Iiakhawunti zebhanki, izatifiketi zedipozithi, okanye iimali zomhlala-phantsi zinokuhlawulwa ngokuthe ngqo kumbutho osetyenziswa ngamaNgqina kaYehova xa uye wasweleka ngokuvisisana nemithetho yeebhanki zasekuhlaleni.

Imali Eselugcinweni Neebond: Umntu unokunikela ngokuthe ngqo ngemali eselugcinweni neebond kumbutho osetyenziswa ngamaNgqina kuYehova yaye unokwenza isivumelwano sokuba loo mali idluliselwe kumbutho xa esweleka.

Izindlu Nemihlaba: Ezi zizindlu nemihlaba ethengisekayo enokunikelwa kumbutho osetyenziswa ngamaNgqina kaYehova. Inokunikelwa kumbutho ngokuthe ngqo njengesipho, okanye ukuba umniniyo usahlala kuyo, aqhubeke ehlala ngoxa esaphila.

Iminqophiso Yamafa: Izinto ofuna ukunikela ngazo okanye imali zinokushiyelwa kumbutho osetyenziswa ngamaNgqina kaYehova njengomnqophiso welifa osemthethweni okanye kuchazwe loo mbutho njengofanele ufumane imali ekuvunyelwene ngayo. Kusenokungatsalwa rhafu ingako xa isivumelwano senziwe ngolu hlobo.

Unokubhalela okanye ufowunele iAccounting Office kwiadresi ebhalwe ngezantsi, okanye uqhagamshelane neofisi yesebe yelizwe okulo.