Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ilungu Elitsha LeQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova

Ilungu Elitsha LeQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova

Ngentsasa yangoLwesithathu, ngoSeptemba 5, 2012, kwachazelwa intsapho yeBheteli yaseUnited States neyaseKhanada ukuba kongezwe ilungu elitsha kwiQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova. UMark Sanderson waba lilungu leQumrhu Elilawulayo ukususela ngoSeptemba 1, 2012.

UMzalwana uSanderson wakhuliswa ngabazali abangamaKristu eSan Diego, eKhalifoniya, eUnited States, waza wabhaptizwa ngoFebruwari 9, 1975. Waba nguvulindlela ngoSeptemba 1, 1983, eSas­katch­e­wan, eKhanada. NgoDisemba 1990, waphumelela kwiklasi yesixhenxe yeSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli (ngoku ekuthiwa siSikolo SeBhayibhile Sabazalwana Abangatshatanga) eUnited States. NgoAprili 1991, waba nguvulindlela okhethekileyo kwisiqithi saseNewfoundland, eKhanada. Emva kokuba libambela lomveleli wesiphaluka, ngoFebruwari 1997 waba lilungu lentsapho yaseBheteli eKhanada. NgoNovemba 2000, watshintshelwa kwisebe laseUnited States, apho wafika wasebenza kwiSebe Lenkcazelo Yezibhedlele waza kamva waya kwiSebe Lenkonzo.

NgoSeptemba 2008, uMzalwana uSanderson waya kwiSikolo Samalungu eKomiti yeSebe waza kamva waba lilungu leKomiti yeSebe lasePhilip­pines. NgoSeptemba 2010, wabuyiselwa eUnited States, waza wancedisa iKomiti Yenkonzo yeQumrhu ­Elilawulayo.