Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kufuneka Intlangulo!

Kufuneka Intlangulo!

UMGODI wamalahle okude kufuphi nasePittsburgh, ePennsylvania eUnited States, ngokuqhwanyaza kweliso wawugutyungelwe ngamanzi. Abasebenzi basemgodini abalithoba babevaleleke kumgama omalunga neemitha ezingama-73 emathunjini omhlaba. Bahlangulwa emva kweentsuku ezintathu yaye babengenawo nomkrwelo. Bahlangulwa njani?

Besebenzisa imaphu yasemgodini nesixhobo sokubakhangela esibizwa ngokuba yiGlobal Positioning System, abahlanguli bemba umngxuma oziisentimitha ezingama-65 ububanzi baza bathumela ikhetshi kuloo ndawo babekuyo. Bonke aba basebenzi bahlangulwa kuloo nzonzobila eyaphantse yaba lingcwaba labo. Kwatsho kweexibilili emva kokuba behlangulwe.

Kungangenkankulu ukuba uninzi lwethu luvaleleke emathunjini omhlaba njengaba basebenzi basemgodini okanye sijamelane nemeko ebeka ubomi bethu phakathi kwenyama nozipho. Nakuba kunjalo, kufuneka sihlangulwe kwimiphumo yokugula, ukwaluphala nokufa. Usolusapho othembekileyo uYobhi wathi: “Umntu, ozelwe ngumfazi, unobomi obufutshane obuzele kukuphazamiseka. Njengentyatyambo uyavela aze anqunyulwe, yaye ubaleka emke njengesithunzi angaqhubeki ekho.” (Yobhi 14:1, 2) Nakuba loo mazwi athethwa kwiminyaka engama-3 500 edluleyo, nanamhlanje oku angqineke eyinyaniso, kaloku akakho umntu onokubhungca kutshaba lwethu olukukufa. Enoba sihlala phi okanye siyinyamekela kangakanani impilo yethu, sonke kufuneka sihlangulwe kwiinzingo zokwaluphala nokufa.

Izazinzulu nabanye abantu benza amatiletile okwandisa iminyaka yabantu kunaleyo bayiphilayo ngoku. Omnye umbutho uthi usukelo lwawo “kukoyisa ukufa nongumqobo wokunandiph’ ubomi nokunceda amalungu awo akhangele phambili ekwenzeni abantu bangafi.” Noko ke, ukuza kuthi ga ngoku ukuhambela phambili kwezenzululwazi nomnqweno wokuphila akwenzanga abantu baphila iminyaka engaphezu kwama-70 okanye engama-80 ubudala eyachazwa nguMoses kwiminyaka engama-3 500 eyadlulayo.—INdumiso 90:10.

Nokuba uyavumelana noYobhi okanye akunjalo, akunakusibetha ngoyaba isibakala sokuba, uza ‘kubaleka umke njengesithunzi’ ushiye abahlobo, intsapho, umzi wakho nazo zonke izinto oye wazenza ebudeni bexesha lokudla kwakho amazimba—uye kwantsonga nyawana. UKumkani uSolomon osisilumko wakwaSirayeli wamandulo wabhala wathi: “Kuba abaphilayo bayazi ukuba baya kufa; kodwa abafileyo, abazi nto konke konke, abasenamvuzo, ngenxa yokuba balityelwe, abasakhunjulwa nganto.”—INtshumayeli 9:5.

Njengokuba iBhayibhile isitsho, inyaniso ebuhlungu kukuba ukufa kuye “kwalawula njengokumkani,” onguzwi-lakhe phezu koluntu. Ewe, ukufa lolona tshaba abafuna ukuhlangulwa kulo abantu. (Roma 5:14; 1 Korinte 15:26) Nabona bahlanguli baqeqeshiweyo nabanobuchule abanakuze bakuhlangule kule nyula. Nangona kunjalo uMdali woluntu uYehova uThixo, uye wenza ilungiselelo lokuhlangulwa kwabantu.