Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 Fundisa Abantwana Bakho

USamuweli Wabambelela Kokulungileyo

USamuweli Wabambelela Kokulungileyo

NGABA wakha wababona abanye besenza izinto ezimbi?— * USamuweli wababona. Wayehlala apho kwakungalindelekanga ukuba izinto ezinjalo zenzeke. Kwakusemnqubeni kaThixo okanye kwindawo yonqulo kwisixeko saseShilo. Makhe sibone ukuba kwenzeka njani ukuba uSamuweli ahlale emnqubeni iminyaka engaphezu kwama-3 000 eyadlulayo.

Ngaphambi kokuba uSamuweli azalwe, unina uHana wayefuna ukuba nomntwana. Kutyelelo lwakhe emnqubeni uHana wathandaza kuThixo ngalo mba. Wayethandaza ngokunzulu kangangokuba imilebe yayibebezela. Oku kwenza umbingeleli omkhulu uEli acinge ukuba wayenxilile. Kodwa xa waqondayo ukuba wayebandezelekile uEli wamsikela esithi: “Ngamana uThixo kaSirayeli angenza ngokwesibongozo sakho.”—1 Samuweli 1:17.

Kamva wazalwa uSamuweli yaye uHana wayenemihlali kangangokuba waxelela umyeni wakhe uElikana ukuba: ‘Kamsinya nje ndakuba ndimlumle uSamuweli ndiya kumsa emnqubeni ukuze aye kukhonza uThixo khona.’ Kuko kanye awakwenzayo. Ngoko, kusenokwenzeka ukuba uSamuweli wayeneminyaka emine okanye emihlanu ubudala.

UEli wayesele emdala yaye oonyana bakhe uHofeni noFinehasi babengamnquli ngendlela efanelekileyo uYehova. Babesiba neentlobano zesini nabafazi ababetyelela emnqubeni. Ucinga ukuba yintoni awayefanele ayenze uyise?— Ewe, wayefanele abohlwaye angabavumeli ukuba benze izinto ezimbi.

USamuweli oselula wayekhulele apho yaye wayekwazi ukuziphatha kakubi koonyana bakaEli. Ngaba uSamuweli walandela umzekelo wabo ombi?— Akunjalo, waqhubeka esenza izinto ezintle ngokwendlela awayeqeqeshwe ngayo ngabazali bakhe. Akumangalisi ukuba uYehova abe nomsindo ngakuEli.  Wade wathumela nomprofeti ukuya kuxelela intsapho kaEli ngendlela awayeza kubohlwaya ngayo ngokukodwa oonyana bakhe ababi.—1 Samuweli 2:22-36.

USamuweli waqhubeka ekhonza kunye noEli emnqubeni. Ngobunye ubusuku xa uSamuweli wayelele weva ilizwi limbiza. Wabaleka waya kuEli kodwa wathi wayengambizanga. Laphinda lavakala ilizwi kwakhona. Emva kokuba oku kwenzeke okwesihlandlo sesithathu uEli waxelela uSamuweli oku: “Thetha Yehova ngokuba uphulaphule umkhonzi wakho.” Xa uSamuweli watshoyo uYehova wathetha naye. Ngaba uyayazi into awamxelela yona uSamuweli uYehova?—

UThixo waphinda wachazela uSamuweli ngenjongo yakhe yokohlwaya intsapho kaEli. Ngentsasa elandelayo uSamuweli woyika ukuxelela uEli oko uYehova wayekuthethile. Kodwa uEli wambongoza uSamuweli esithi: “Nceda musa ukundifihlela.” Ekugqibeleni uSamuweli wamxelela uEli konke uYehova awathi uza kukwenza. UEli waphendula wathi: “Makenze okulungileyo [uYehova] emehlweni akhe.” Ekugqibeleni uHofeni noFinehasi babulawa noEli wafa.—1 Samuweli 3:1-18.

“Waqhubeka ke ekhula uSamuweli, noYehova waba naye.” USamuweli kusenokwenzeka ukuba wayelityendyana, elona xesha libalulekileyo kubantu abaselula. Ucinga ukuba kwakulula ngoSamuweli ukwenza okuhle nangona abanye babengakwenzi?— Nakuba kwakungelula uSamuweli wakhonza uYehova ngokuthembeka yonke imihla yobomi bakhe.—1 Samuweli 3:19-21.

Kuthekani ngawe? Ngaba unokuba njengoSamuweli njengokuba ukhula? Ngaba unokuqhubeka usenza okuhle? Ngaba unokuqhubeka ubambelele kwiimfundiso zeBhayibhile noko abazali bakho bakufundise kona? Ukuba wenjenjalo uya kuvuyisa uYehova nabazali bakho.

^ isiqe. 3 Ukuba eli nqaku ulifundela abantwana isikhewu senzelwe ukuba unqumame ujolise umbuzo kubo.