Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 Sondela KuThixo

“Ukuze Zazi Iintlanga Ukuba NdinguYehova”

“Ukuze Zazi Iintlanga Ukuba NdinguYehova”

UBUYA kuvakalelwa njani ukuba ubutyholwa ngento ongayenzanga? Kuthekani ukuba eso sityholo besiye sachaphazela abantu abaninzi, kuquka nabamsulwa? Ngokuqinisekileyo ubuza kufuna ukulihlamba igama lakho. Ngaba uyazi ukuba uYehova wehlelwe yinto efanayo? Namhlanje abantu abaninzi bagxeka uThixo ngokungekho sikweni nangokubandezeleka kwabantu. Ngaba uYehova uza kulihlamba igama lakhe? Ewe, uza kulihlamba. Khawuve ukuba ithini incwadi kaHezekile.—Funda uHezekile 39:7.

UYehova uthi: “Ndingaliyeki lihlanjelwe kwakhona igama lam elingcwele.” Xa abantu begxeka yena ngokungabikho kokusesikweni, bahlambela igama lakhe elingcwele. Njani? EBhayibhileni, “igama” lidla ngokubhekisela kwindlela umntu adume ngayo. Enye imbekiselo ithi igama likaThixo libhekisela “koko kwaziwayo ngaye kwakhona likwamela udumo lwakhe newonga.” Igama likaYehova liquka indlela aziwa ngayo. Yintoni eyaziwayo ngoYehova xa kufikwa kumbandela wokungabikho kokusesikweni? Ukuthiyile! Unovelwano nangamaxhoba. * (Eksodus 22:22-24) Xa abantu besithi uThixo ubekek’ ityala ngezinto azicekisayo, bahlambela igama lakhe. ‘Abalihlonel’ igama lakhe’.—INdumiso 74:10.

Qaphela ukuba uYehova usebenzisa ibinzana elithi “igama lam elingcwele” izihlandlo ezibini. (Vesi 7) EBhayibhileni, igama likaYehova linxulunyaniswa namabinzana afana nathi “ungcwele” nelithi “ubungcwele” izihlandlo eziliqela. Igama elithi “ungcwele” lidlulisela ingcamango yokwahluka; likwabonisa ukucoceka nokuhlambuluka. Igama likaYehova lingcwele kuba uThixo ungcwele—akanalo nechaphaza lesono nokungacoceki. Ngaba uyakubona ukugculelwa ‘kwegama likaYehova elingcwele’ ngabo bamgxeka ngobungendawo?

Injongo kaYehova yokungcwalisa igama lakhe ngoBukumkani bakhe ngowona mxholo weBhayibhile. Lo mxholo ubalaseliswa kwincwadi kaHezekile, esoloko isithi “iintlanga ziya kwazi ukuba ndinguYehova.” (Hezekile 36:23; 37:28; 38:23; 39:7) Phawula ukuba iintlanga azisayi kukhetha ukumazi okanye ukungamazi ukuba unguYehova. Kunoko, ‘ziya kumazi.’ Ngamanye amazwi, uYehova uza kwenza into eza kwenza iintlanga zomhlaba zimazi ukuba unguYehova, uMongami weNdalo iphela, igama lakhe elimela ubungcwele, ukuhlambuluka nokucoceka.

Isithembiso esisoloko siphinda phindwa sokuba “iintlanga ziya kwazi ukuba ndinguYehova” ziindaba ezimnandi kwabo banqwenela ukupheliswa kokungabikho kokusesikweni nokubandezeleka. UYehova uza kusizalisekisa kungekudala eso sithembiso aze angcwalise igama lakhe. Uza kubusiphula neengcambu ubungendawo nabo babubangelayo. Aze abakhusele abo balihlonelayo igama lakhe noko likumeleyo. (IMizekeliso 18:10) Ngaba awufuni ukufunda indlela onokusondela ngayo kuYehova, uThixo ongcwele, ‘ongumthandi wokusesikweni.’?—INdumiso 37:9-11, 28.

Izibhalo onokuzifunda ngoSeptemba:

^ isiqe. 4 Funda inqaku elithi “Sondela KuThixo—Umthandi Wokusesikweni,” kwinqaku elikwiMboniselo, kaNovemba 1, 2008.