Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Uza Kumthemba UThixo?

Ngaba Uza Kumthemba UThixo?

MASITHI umhlobo wakho osenyongweni wenza into ongayiqondiyo. Abanye bayamgxeka ukanti abanye bayamgweba besithi ukhohlakele. Ngaba ubuya kukhawuleza ubakholelwe, okanye ubuza kulinda de umhlobo wakho akucacisele? Ukuba ebengekho ukuze aziphendulele, ngaba ubungayi kuqhubeka umthemba de afike?

Ngaphambi kokuba uphendule, ubuya kufuna kuqala uve zonke iinkcukacha. Mhlawumbi ubuya kuzibuza, ‘Ndimazi kangakanani lo mhlobo yaye kutheni ndimthanda nje?’ Ubuya kuba wenza kakuhle. Ngaba ke ngoko asifanele sicinge ngolu hlobo ngaphambi kokuba sithi uThixo ukhohlakele?

Kusenokuba nzima ukuziqonda ezinye zezinto azenzileyo uThixo okanye azivumeleyo ukuba zenzeke. Baninzi abantu abathi ukhohlakele uThixo, ibe basenokufuna nawe uyikholelwe loo nto. Ngaba uza kuqhubeka umthemba de uve zonke iinkcukacha? Impendulo ixhomekeke kwindlela omazi ngayo uThixo. Zibuze, ‘UThixo ungumhlobo onjani kum?’

Ukuba izinto azikuhambeli kakuhle, kusenokuba lula ukukholelwa ukuba uThixo akangomhlobo wakho. Kodwa ke khawuzibuze. Ngaba nguThixo obangele intlungu ebomini bakho okanye ngaba uye wakusikelela? Njengoko siye satsho ngaphambili, “umlawuli weli hlabathi” asingoYehova kodwa nguSathana. (Yohane 12:31) Ngoko nguSathana obangele izinto ezininzi ezibuhlungu ezenzekayo namhlanje. Kwakhona, iingxaki ezininzi esinazo zibangelwa kukungafezeki kwethu kunye neengozi esingenakukwazi ukuziphepha.

Ngaba uThixo ubangele intlungu ebomini bakho—okanye ukusikelele?

Yintoni asenzele yona uThixo? IBhayibhile ithi: uThixo ‘nguMenzi wezulu nomhlaba.’ Isikhumbuza ukuba imizimba yethu ‘yenziwe ngokumangalisayo.’ IBhayibhile iphinde ithi uYehova ‘nguThixo esesandleni sakhe impefumlo yakho.’ (INdumiso 124:8; 139:14; Daniyeli 5:23) Ithetha ukuthini le nto xa iyonke?

Ithetha ukuthi siphefumla yaye siphila nje, kungenxa yoMdali wethu. (IZenzo 17:28) Ithetha ukuthi ubomi, umhlaba omhle esiwubonayo, uyolo olubangelwa kukuthandana nokuba nabahlobo, ukungcamla izinto ezimnandi, ukubamba, ukuva izandi nokujoja amavumba ahlukahlukaneyo—zonke zizipho esiziphiwe nguThixo. (Yakobi 1:17) Ngaba akuvumi ukuba ezi ziintsikelelo ezenza uThixo abe ngumhlobo esifanele simthande size simthembe?

Siyavuma, kusenokuba nzima kuwe ukumthemba uThixo. Mhlawumbi uthi awukamazi kakuhle ukuba ungamthemba. Iyaqondakala loo nto. Kula manqaku mafutshane asinakukwazi ukuziphendula zonke izinto ezenza abanye bathi uThixo ukhohlakele. Kodwa ke khawuzame ukumazi nangakumbi uThixo. * Siqinisekile ukuba xa uzama, uya kuyazi inyaniso ngoThixo. Ngaba ukhohlakele? Hayi, kunoko “uThixo uluthando.”—1 Yohane 4:8.

^ isiqe. 8 Ngokomzekelo, funda ngezizathu ezingakumbi zokuba kutheni uThixo evumele ubungendawo kwisahluko 11 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.