Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO | UBUXOKI OBUBANGELA UKUBA UTHIXO ANGATHANDWA

Ubuxoki Bokuba UThixo Akanalo Igama

Ubuxoki Bokuba UThixo Akanalo Igama

OKO KUKHOLELWA NGABANTU ABANINZI

“Asikavumelani enoba uThixo unalo igama, yaye ukuba unalo, lithini.”—UNjingalwazi, uDavid Cunningham, Theological Studies.

INYANISO ESEBHAYIBHILENI

UThixo wathi: “NdinguYehova. Lilo elo igama lam.” (Isaya 42:8) Igama elithi Yehova ligama lesiHebhere elithetha ukuthi “Ubangela Kubekho.”—Funda INguqulelo Yehlabathi Elitsha, i-Appendix 1, isiqendu 1.

UYehova ufuna silisebenzise igama lakhe. IBhayibhile ithi: “Bizani egameni lakhe. Zaziseni phakathi kwezizwana izenzo zakhe. Likhankanyeni igama lakhe ukuba libekwe phezulu.”Isaya 12:4.

UYesu walisebenzisa igama likaThixo. Xa wayethandaza uYesu wathi: “Ndilazisile igama lakho kubo [kubafundi bakaYesu] yaye ndiza kulazisa.” Kwakutheni ukuze uYesu alazise igama likaThixo kubafundi bakhe? Uthi: “Ukuze uthando owandithanda ngalo [Thixo] lube kubo ndize nam ndimanyane nabo.”Yohane 17:26.

KUTHENI UMELE UBE NOMDLA?

Umfundisi uWalter Lowrie wathi: “Umntu ongalaziyo igama likaThixo akamazi ibe akanakumthanda xa ecinga ukuba ungamandla nje.”

Ukulisusa igama likaThixo kufana nokulikhupha ngokupheleleyo eBhayibhileni

Indoda egama linguVictor yayisiya rhoqo ecaweni, kodwa yayingamazi uThixo. Ithi: “Ndafunda ukuba igama likaThixo nguYehova, yaba ngathi ndiyaqala ukwaziswa kuye. Ndandivakalelwa kukuba ndide ndamazi Lo mntu bendisoloko ndisiva ngaye. Waba nguMntu wokwenene kum ndaza ndafuna ukuba ngumhlobo wakhe.”

UYehova uyasondela ebantwini abasebenzisa igama lakhe. UThixo uthembisa abo “bacinga ngegama lakhe” esithi: “Ndiza kubabonisa imfesane, kanye njengomntu obonisa imfesane kunyana wakhe omkhonzayo.” (Malaki 3:16, 17) UThixo uyabavuza abo balisebenzisayo igama lakhe. IBhayibhile ithi: “Wonk’ ubani obiza egameni likaYehova uya kusindiswa.”Roma 10:13.