Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO | NGABA UFANELE UTHANDAZE?

Kutheni Abantu Bethandaza?

Kutheni Abantu Bethandaza?

Ngaba uthandaza rhoqo? Abantu abaninzi bayathandaza, kuquka nabo bangakholelwayo kuThixo. Kodwa kutheni abantu bethandaza? Uhlolisiso oluye lwenziwa eFransi lubonisa ukuba isiqingatha sabantu baseFransi bathandaza okanye bacamngce ngamathub’ athile “kuphela ukuze bazive bhetele.” Njengabanye abantu abaninzi baseYurophu, abakujongi ukuthandaza njengenxalenye yonqulo. Kunoko, bathandaza nje kuphela “ukuze bazive benoxolo lwengqondo.” Kwelinye icala, abanye abantu abakhonzayo bathandaza kuThixo kuphela xa befuna into ethile, belindele ukuba abaphendule ngoko nangoko.—Isaya 26:16.

Kuthekani ngawe? Ngaba ucinga ukuba umthandazo yindlela nje yokulungelelanisa iingcinga zakho? Ukuba uyakholelwa kuThixo, ngaba umthandazo uyakunceda ebomini bakho? Okanye ngaba uvakalelwa kukuba imithandazo yakho ayiphendulwa? IBhayibhile inokukunceda ungawujongi umthandazo njengento nje ekwenza uzive bhetele, kodwa uwujonge njengendlela ebalulekileyo yokusondela kuThixo.