Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Ngaba umhlaba udalwe ngenjongo?

Umhlaba wenziwa ukuze ube likhaya labantu abonwabileyo

Umhlaba udalelwe ukuba kubekho izinto eziphilayo kuwo. Unamanzi awaneleyo okusetyenziswa zizo zonke izinto eziphilayo. Ukuthambeka komhlaba nokujikeleza kwawo ilanga kubangela ukuba ulwandle lungabandi lube ngumkhenkce okanye lubile luze lube ngumphunga. Yaye umoya ojikeleze umhlaba kunye nemagnethi yomhlaba ziwukhusela kwimitha yelanga enobungozi.

Kuyamangalisa ukubona indlela izityalo kunye nezilwanyana ezixhomekeke ngayo enye kwenye. Oku kwenza kucace ukuba umhlaba wawudalwe ngenjongo.—Funda uIsaya 45:18.

Kodwa usenokuzibuza: Ukuba umhlaba wawenziwe ngenjongo, ngaba ukubandezeleka nokungabikho kokusesikweni kuyinxalenye yaloo njongo?—Funda iDuteronomi 32:4, 5.

Ngaba injongo yomhlaba iza kuphunyezwa?

Umhlaba wenziwa ngenjongo yokuba ube likhaya labantu abonwabileyo, abahlonelanayo nabathanda uMdali wabo. Ngoko uThixo unenjongo ephakamileyo ngabantu, kunokuba kunjalo ngezityalo nezilwanyana. Njengabantu siyakwazi ukufunda ngoMdali wethu ibe siyakwazi nokuxelisa uthando nokuba sesikweni kwakhe.—Funda iNtshumayeli 12:13; Mika 6:8.

UMdali wethu unawo amandla okuphumeza yonke injongo yakhe. Ngoko sinokuqiniseka ukuba uza kuphelisa iintlungu nokungabikho kokusesikweni baze abantu baphile ngolonwabo emhlabeni.—Funda iNdumiso 37:11, 29; Isaya 55:11.