Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBHAYIBHILE IYABUTSHINTSHA UBOMI BABANTU

Imibuzo Emithathu Eyatshintsha Ubomi Bam

Imibuzo Emithathu Eyatshintsha Ubomi Bam
  • UNYAKA WOKUZALWA: 1949

  • ILIZWE: EMERIKA

  • UBOMI BANGAPHAMBILI: WAYEFUNA UKWAZI INJONGO YOBOMI

INDLELA ENDANDIPHILA NGAYO:

Ndakhulela eAncram, idolophu encinane ekumaphandle aseNew York, eMerika. Le dolophu yayineefama ezininzi. Kangangokuba, kule dolophu iinkomo zazininzi kunabantu.

Le dolophu yayinecawa enye, ibe sasihamba kuyo ekhaya. Qho ekuseni ngeCawa uTamkhulu wayedla ngokundipolishela izihlangu, ndize emva koko ndithathe iBhayibhilana yam emhlophe endandiyiphiwe ngumakhulu, ndenjenjeya ukuya kwicawa yabantwana. Mna, udade wethu kunye nomntakwethu safundiswa sisebancinci ukusebenza nzima, ukuhlonipha nokunceda abamelwane, kunye nokubulela ngeentsikelelo esinazo.

Ekukhuleni kwam ndaye ndemka ekhaya ndaya kuba ngutitshala kwenye indawo. Ndandinemibuzo emininzi ngoThixo nangobomi. Kubantwana endandibafundisa kwakukho abakrelekrele, kodwa abanye kwakufuneka basebenze nzima. Abanye babekhubazekile, ngoxa abanye beyimiqabaqaba. Yayindikhathaza ke loo nto kuba aba bantwana babengazikhethelanga. Ngamany’ amaxesha, abazali baba bantwana bakhubazekileyo okanye ekwakufuneka basebenze nzima babeye bathi, “Yintando kaThixo ukuba umntwana wam abe nje.” Ndandizibuza ukuba uThixo uyivumela njani into yokuba ezinye iintsana zizalwe zikhubazekile. Kaloku usana alwenzanga nto.

Enye into endandizibuza yona kukuba, ‘Yintoni ebalulekileyo endidalelwe ukuba ndiyenze ngobomi bam?’ Kwakungathi ubomi bam buyabaleka nje. Ndakhulela kwintsapho eyonwabileyo, ndafunda kwizikolo eziphucukileyo, ibe ngoku ndandisenza umsebenzi endiwuthandayo. Kodwa xa ndijonga ikamva lam, ndandingaboni nto ingako. Ndandiza kuphila nje ubomi obuqhelekileyo, mhlawumbi nditshate, ndibe nomzi omhle, ndibe nabantwana, ndisebenze ndide ndithathe umhlala phantsi de kufike nexesha lokuba ndiye kunyanyekelwa kwikhaya labakhulileyo. Ndandizibuza ukuba ubomi buphelele na apho.

INDLELA IBHAYIBHILE EBUTSHINTSHE NGAYO UBOMI BAM:

Xa sasisekhefini eYurophu nabanye ootishala, satyelela iWestminster Abbey, iNotre-Dame de Paris, iVatican kunye nezinye iicawa. Kuzo zonke, ndayibuza imibuzo endandinayo. Naxa ndabuyela eSloatsburg, eNew York, ndatyelela iicawa eziliqela. Kodwa akukho nenye kuzo eyandinika iimpendulo ezibambekayo.

Ngenye imini, intwazana eneminyaka eyi-12 eyayifunda esikolweni sam yandibuza imibuzo emithathu. Okokuqala, yandibuza ukuba ndiyazi na ukuba iliNgqina likaYehova. Ndavuma. Okwesibini yandibuza ukuba ndingathanda na ukwazi ngakumbi ngamaNgqina kaYehova. Ndavuma kwakhona. Yaza okwesithathu yandibuza ukuba ndihlala phi. Kwathi kanti ndihlala kufutshane nakowayo. Ngelo xesha, ndandingenalo nofifi ukuba loo mibuzo mithathu yayiza kubutshintsha ubomi bam ngonaphakade.

Kungekudala emva koko, yeza kwam saza saqala ukufunda iBhayibhile kunye. Ndayibuza imibuzo endandiyibuze abefundisi abaninzi beecawa. Yona yayingafani nabo kuba yandibonisa iimpendulo ezicacileyo nezivakalayo kwiBhayibhile yam, iimpendulo endandingazi nokuba zikhona eBhayibhileni!

Izinto endandizifunda zandenza ndonwaba ndaza ndaneliseka. Ndavuyiswa kukufunda eyoku-1 kaYohane 5:19, ethi: “Ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo.” Kwathi xibilili ndakuva ukuba asingoThixo obangela ezi ntlungu sizibonayo, kodwa nguSathana ibe uThixo uza kuziphelisa zonke. (ISityhilelo 21:3, 4) Ndabona ukuba iBhayibhile iyavakala xa icaciswa kakuhle. Nangona iNgqina endandifunda nalo lalineminyaka eyi-12, ndazixelela ukuba inyani iya kusoloko iyinyani enoba ithethwa ngubani na.

Ndandifuna nokubona ukuba amaNgqina ayazenza na izinto azifundisayo. Ngokomzekelo, le ntwazana yandichazela ukuba amaKristu okwenene anomonde ibe anobubele. (Galati 5:22, 23) Ndathi makhe ndiyivavanye, ndijonge ukuba inazo na yona ezi mpawu. Ngolunye usuku, ndaqonda ukuba makhe ndingafiki ngexesha kwisifundo sethu. Ndazibuza: ‘Iza kundilinda? Ukuba indilindile, andizi kufika icaphukile?’ Njengokuba ndandingena ngemoto, ndayibona indilinde emnyango. Yakhawuleza yeza emotweni yaza yathi: “Besele ndiza kuya kucela kumama ukuba sifowunele esibhedlele nasemapoliseni, kuba besele ndicinga ukuba usengxakini, kaloku awuzange wakhe wafika emva kwexesha xa siza kufunda. Bendinexhala!”

Ngenye imini, ndayibuza umbuzo ongenakuphendulwa lula yintwazana eneminyaka eyi-12. Ndandifuna ukubona ukuba iza kuyikha entloko na impendulo. Emva kokuba ndiyibuzile, yathi cwaka yaza yathi: “Unzima lo mbuzo. Ndiza kuwubhala, ndize ndibuze abazali bam.” Kwisifundo esilandelayo, yandiphathela iMboniselo enempendulo yawo. Loo nto yandenza ndawathanda kakhulu amaNgqina, kuba iincwadi zawo zaziyiphendula ngokusuka eBhayibhileni imibuzo yam. Saqhubeka sifunda nale ntwazana, ibe emva konyaka ndabhaptizwa ndaza ndaliNgqina likaYehova. *

INDLELA ENDINGENELWE NGAYO:

Emva kokufumana iimpendulo zemibuzo yam, ndandifuna ukuchazela wonke umntu ngazo. (Mateyu 12:35) Ekuqaleni, abantu basekhaya babengafuni nokuziva iinkolelo zam. Kodwa ke, ekuhambeni kwexesha baya bezamkela, kangangokuba umama wasweleka sele eqalisile ukufunda iBhayibhile. Nangona wasweleka engekabhaptizwa, ndiqinisekile ukuba wayesele ezixelele ukuba uza kukhonza uYehova.

Ngo-1978 ndatshata nelinye iNgqina elinguElias Kazan. Saza ngo-1981 sacelwa ukuba siyokuba ngamalungu entsapho yaseBheteli yaseMerika. * Okubuhlungu kukuba, emva nje kweminyaka emine sisebenza apho, uElias wasweleka. Nangona ndandingumhlolokazi, ndaqhubeka ndisebenza eBheteli, ibe oko kwandinceda ndaziva ndithuthuzelekile.

Ngo-2006 ndatshata noRichard Eldred, naye owayekhonza eBheteli. Savuyiswa yintsikelelo yokuqhubeka sisebenza apho. Njengokuba ngoku ndifumene inyaniso ngoThixo, ndiziva ndingaphendulelwanga nje imibuzo yam kuphela, kodwa ndifumene neyona njongo yobomi. Yonke le ntsikelelo yaqala nje ngemibuzo emithathu endayibuzwa yintomb’ encinci.

^ isiqe. 16 Kuthiwa, le ntwazana nabantwana bakokwayo banceda ootitshala abahlanu babo ukuba bafunde iBhayibhile baza bakhonza uYehova.

^ isiqe. 18 AmaNgqina kaYehova asebenzisa igama elithi “Bheteli” elithetha “Indlu kaThixo” xa ethetha ngamasebe awo akumazwe ngamazwe emhlabeni wonke. (Genesis 28:17, 19) Amalungu entsapho yaseBheteli enza imisebenzi emininzi ukuze kuphunyezwe umsebenzi wokufundisa iBhayibhile owenziwa ngamaNgqina kaYehova.