Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Intshayelelo

Intshayelelo

“Nibe ngabaxelisa abo bathi ngokholo nomonde bazidle ilifa izithembiso.”—AMAHEBHERE 6:12.

1, 2. Omnye umveleli ohambahambayo wayebagqala njani abantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni, ibe kutheni benokuba ngabahlobo abalungileyo?

“UTHETHA ngabantu abaseBhayibhileni ngathi ngabahlobo bakhe abagqibele kudala.” Loo mazwi athethwa ngomnye udade ongumKristu, emva kokuphulaphula intetho eyayinikelwa ngumveleli ohambahambayo osele ekhulile. Wayefanele ukutsho, kuba lo mzalwana wayechithe amashumi eminyaka efundisisa yaye efundisa iLizwi likaThixo—kangangokuba amadoda namabhinqa okholo ekuthethwa ngawo eBhayibhileni aba ngathi ngabantu akhule nabo.

2 Kungaba mnandi ukuba ngumhlobo wabo bantu baseBhayibhileni, akunjalo? Ngaba bangabantu bokwenene kuwe? Khawuzibone uhamba nabo nincokola, uchith’ ixesha kunye nabantu abanjengoNowa, uAbraham, uRute, uEliya, noEstere. Cinga ngempembelelo abanokuba nayo kubomi bakho—amacebiso obulumko nendlela abanokukukhuthaza ngayo!—Funda iMizekeliso 13:20.

3. (a) Sinokungenelwa njani ngokuqwalasela amadoda namabhinqa okholo ekuthethwa ngawo eBhayibhileni? (b) Yiyiphi imibuzo esiza kuyiqwalasela?

3 Kakade ke, ulwalamano olwanelisa ngolo hlobo, luya kubakho xa ‘kuvuka amalungisa.’ (IZe. 24:15) Noko ke, sinokuzuza lukhulu kwanangoku xa sifunda ngala madoda namabhinqa okholo ekuthethwa ngawo eBhayibhileni. Njani? Umpostile uPawulos uphendula athi: “Nibe ngabaxelisa abo bathi ngokholo nomonde bazidle ilifa izithembiso.” (Heb. 6:12) Njengoko siza kufunda ngala madoda namabhinqa okholo, makhe siqwalasele eminye yemibuzo ephakanyiswa ngamazwi kaPawulos: Luyintoni ukholo, yaye kutheni lufuneka kuthi? Sinokubaxelisa njani abantu abanyanisekileyo esifunda ngabo eBhayibhileni?

Ukholo—Oko Lukuko Nesizathu Sokuba Lufuneke

4. Abantu bacinga ukuba luyintoni ukholo, yaye kutheni bephazama?

4 Ukholo luphawu olunqwenelekayo, olo la madoda namabhinqa esiza kufunda ngawo ayeluxabisa kakhulu. Abantu abaninzi namhlanje baluthatha lula ukholo, bacinga ukuba luthetha ukukholelwa ngaphandle kobungqina obubambekayo. Noko ke bayaphazama. Ukholo aluthethi ukukholelwa yonk’ into le; asiyomvakalelo nje; lungeyiyo nenkolelo engenasihlahla. Kuyingozi ukuba nguvuma zonke. Iimvakalelo ziyatshintsha, ibe akwanelanga ukukholelwa nje kuThixo, kuba “needemon ziyakholwa zize zityhwatyhwe.”—Yak. 2:19.

5, 6. (a) Ukholo lwethu lugxininisa kwiziphi izinto ezingenakubonwa? (b) Lumele lube nesiseko esomelele kangakanani ukholo lwethu? Zekelisa.

5 Ukholo lokwenene lwahlukile koko. Khumbula indlela iBhayibhile eluchaza ngalo. (Funda amaHebhere 11:1.) UPawulos wathi ukholo lugxininisa kwizinto ezimbini esingaziboniyo. Okokuqala, lugxininisa kwizinto ezenzeka ngoku ‘ezingabonwayo.’ Asiziboni izinto ezenzeka ezulwini—njengoYehova uThixo, uNyana wakhe, okanye uBukumkani obulawula ezulwini sithetha nje. Okwesibini, ukholo lugxininisa ‘kwizinto ezithenjiweyo’—izinto ezingekenzeki. Okwangoku asinakulibona ihlabathi elitsha eliza kuziswa buBukumkani bukaThixo kungekudala. Ngaba oku kuthetha ukuba ukholo lwethu kwizinto ezinjalo alunasihlahla?

6 Akunjalo! UPawulos wathi ukholo lwethu lunesiseko esomeleleyo. Xa wathi ‘lululindelo oluqinisekisiweyo,’ wasebenzisa ibinzana elibhekisela kwirisithi okanye iphepha lesiqinisekiso. Masithi uphiwa indlu ngumntu othile. Ukunika iphepha lesiqinisekiso aze athi, “Nantsi indlu yakho entsha.” Ngokuqinisekileyo akathi uza kuhlala kwelo phepha; kunoko uthetha ukuba elo phepha lisisivumelwano esisemthethweni esimbophelela kangangokuba linokufaniswa nendlu ngokwayo. Ngokufanayo, ubungqina obusenza sibe nokholo buninzi yaye bunamandla, kangangokuba bunokufaniswa nokholo lwethu.

7. Lubandakanya ntoni ukholo lokwenene?

7 Ukholo lokwenene lubandakanya ukuba nentembelo nolweyiseko lokwenene kuYehova uThixo olusekelwe kubungqina bexesha elidluleyo. Ukholo lusenza simgqale njengoBawo wethu onothando size sibe nethemba lokuba zonke izinto azithembisileyo ziza kwenzeka. Ukholo olunyanisekileyo lubandakanya okungakumbi. Ukuze lungapheli lufuna ukondliwa oku kwento ephilayo. Lufuna ukubonakaliswa ngemisebenzi, kungenjalo luza kufa.—Yak. 2:26.

8. Kutheni ukholo lubalulekile?

8 Kutheni ukholo lubaluleke kangaka? UPawulos wasinika impendulo eyanelisayo. (Funda amaHebhere 11:6.) Asinakuthetha noYehova okanye simkholise ukuba asinalukholo. Ngoko ukholo lubalulekile ukuze njengezidalwa ezikrelekrele, siphumeze eyona njongo yethu iphambili: ukusondela kuBawo wethu wasemazulwini, uYehova, nokumzukisa.

9. UYehova ubonise njani ukuba uyayazi indlela esilufuna ngayo ukholo?

9 UYehova uyayazi indlela esilufuna ngayo ukholo, ngoko usinike imizekelo esibonisa indlela yokwakha nokubonisa ukholo. Usikelele ibandla lamaKristu ngamadoda athabatha ukhokelo nayimizekelo. ILizwi lakhe lithi: “Xelisani ukholo lwabo.” (Heb. 13:7) Ibe usinike okungakumbi. UPawulos wabhala ‘ngelifu elikhulu lamangqina,’ amadoda namabhinqa amandulo asishiye nemizekelo ebalaseleyo yokholo. (Heb. 12:1) Bakhona nabanye abakhonzi bakaThixo abaninzi abathembekileyo uPawulos angabakhankanyanga kwincwadi yamaHebhere isahluko 11. IBhayibhile izaliswe ngamabali amadoda namabhinqa, abadala nabaselula, ababephila kwiimeko ezahlukahlukeneyo, ababenokholo nesinokufunda lukhulu kubo kule mihla izaliswe ngabantu abangenalukholo.

Sinokuluxelisa Njani Ukholo Lwabanye?

10. Ufundisiso lwethu lobuqu lunokusinceda njani sixelise amadoda namabhinqa athembekileyo aseBhayibhileni?

10 Awunakumxelisa umntu ngaphandle kokuba umondele ngenyameko kuqala. Njengoko ufunda le ncwadi, uza kubona ukuba kuye kwenziwa uphando oluza kukunceda uwondele ngenyameko la madoda namabhinqa okholo. Kutheni ungenzi okufanayo, uzenzele uphando? Kufundisiso lwakho lobuqu, phanda nzulu eBhayibhileni usebenzisa izixhobo onazo zokwenza uphando. Njengoko ucamngca ngoko ukufundileyo, yiba nomfanekiso-ngqondweni wendawo eyenzeka kuyo kwakunye nemvelaphi yaloo nkcazelo yeBhayibhile. Yiba ngathi ulapho, yiba nombono wendawo, uve izandi, uve amavumba amnandi. Okubaluleke nangakumbi, zama ukuva iimvakalelo zabo babandakanyekileyo. Njengoko uvelana nawo la madoda namabhinqa athembekileyo, baya kuba ngabantu bokwenene kuwe—abanye babo banokuba ngathi ngabahlobo bakho bakudala.

11, 12. (a) Unokusondela njani kuAbram noSarayi? (b) Unokungenelwa njani kumzekelo kaHana, uEliya noSamuweli?

11 Xa ubazi ngokwenene, uya kufuna ukubaxelisa. Ngokomzekelo, masithi ufumana isabelo esitsha. Intlangano kaYehova ikumema ukuba wandise ubulungiseleli bakho ngandlel’ ithile. Mhlawumbi ucelwa ukuba uye kushumayela kummandla onabavakalisi abambalwa, okanye usebenzise indlela yokushumayela ongaqhelananga nayo. Ngaba ukucamngca ngomzekelo ka-Abram akunakukunceda njengoko uceba yaye uthandaza ngeso sabelo? Yena noSarayi babekulungele ukushiya ubutofotofo baseUre yaye basikelelwa ngeyona ndlela ngenxa yoko. Njengoko ulandela emanyathelweni abo, ngokuqinisekileyo uya kuziva ngathi ubazi bhetele kunangaphambili.

12 Ngokufanayo, kuthekani ukuba umntu osondeleyo kuwe ukuphatha kakubi uze uzive udimazekile—de ungafuni nokuya ezintlanganisweni? Ukuxelisa umzekelo kaHana, indlela awamelana ngayo nokugculelwa nguPenina, kuya kukunceda wenze izigqibo zobulumko—oko kunokwenza uHana abonakale njengomhlobo osenyongweni kuwe. Ngokufanayo, ukuba udandathekiswa kukuziva ungento yanto, unokusondela ngakumbi kuEliya njengoko ufunda ngentlungu yakhe nendlela uYehova awamthuthuzela ngayo. Ulutsha olufumana ingcinezelo koontanga lunokuziva lusondele kuSamuweli emva kokufunda ngendlela awamelana ngayo nempembelelo yoonyana bakaEli ababeqaqadekile.

13. Ngaba ukuxelisa ukholo lwabantu esifunda ngabo eBhayibhileni kwenza olwakho ukholo lungaxabiseki kangako? Cacisa.

13 Ngaba ukuxelisa umzekelo wokholo wabantu esifunda ngabo eBhayibhileni ngandlel’ ithile kwenza olwethu lungaxabiseki kuYehova? Akunjalo! Kaloku khumbula, iLizwi likaThixo lisikhuthaza ukuba sixelise ukholo lwabanye. (1 Kor. 4:16; 11:1; 2 Tes. 3:7, 9) Ukongezelela, abanye abantu esiza kufunda ngabo apha nabo babexelisa abantu ababephila ngaphambi kwabo. Ngokomzekelo, kwiSahluko 17 sale ncwadi, siva uMariya ecaphula amazwi kaHana, ngokucacileyo emgqala njengomzekelo. Ngaba oko kwakuthetha ukuba uMariya unokholo oluncinane kunoHana? Akunjalo! Kunoko, umzekelo kaHana wamnceda uMariya waba nokholo waza wazenzela igama elihle kuYehova uThixo.

14, 15. Ziziphi ezinye zezinto ezikule ncwadi, ibe sinokuzisebenzisa njani?

14 Le ncwadi yenzelwe ukukunceda womeleze ukholo lwakho. Izahluko ezilandelayo, yingqokelela yongcelele lwamanqaku athi “Xelisa Ukholo Lwabo,” abepapashwa kwiMboniselo ukususela ngowama-2008 ukusa kowama-2013. Noko ke, akhona awongeziweyo. Sahluko ngasinye sinemibuzo eyenzelwe ukusinceda sixubushe size sisebenzise oko sikufundayo. Kukho imifanekiso emitsha nemibalabala ezotyelwe le ncwadi ngokukhethekileyo, yaye ebisele ikhona yenziwe mikhulu yaza yaphuculwa. Zikho nezinye izinto zokusinceda eziquka umsinga wexesha neemaphu. Le ncwadi sisixhobo esenzelwe ukusinceda kwisifundo sobuqu, esentsapho kunye nesebandla. Iintsapho ezininzi zinokunandipha ukufunda la mabali kunye.

15 Kwanga le ncwadi ingakunceda uxelise ukholo lwabakhonzi bakaYehova abathembekileyo bamandulo. Ngamana ingakunceda ukhule elukholweni njengoko usondela kuBawo wakho wasezulwini, uYehova!