Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 124

Namathela KuYehova

Namathela KuYehova

(INdumiso 18:25)

  1. 1. Namathela kuYehova,

    Ubonise uthando.

    Njengabantu bakaThixo

    Abazinikeleyo,

    Usinika imithetho,

    Yaye siyamthobela.

    Masimthembe, masimthande.

    Uya kusikhusela.

  2. 2. Namathela ebandleni,

    Manyana nabo bonke.

    Thanda bonke ebandleni

    Ngamazwi nangezenzo.

    Hlonela bonke abantu

    Ngokungazenzisiyo.

    IZibhalo zosinceda

    Sihlale ngomanyano.

  3. 3. Namathela, ungagungqi,

    Uthembeke kuThixo.

    Xa unikwa umyalelo

    Zithobe uwamkele.

    Ngoko ke wosikelelwa

    NguThixo onothando.

    Namathela, kuYehova,

    Ukuze akuxhase.