Yiya kwinkcazelo

Kutheni Ungakwamkeli Ukutofelwa Igazi?

Kutheni Ungakwamkeli Ukutofelwa Igazi?

Izinto eziqhele ukuthethwa

Ubuxoki: AmaNgqina kaYehova akakholelwa kumayeza okanye kunyango.

Inyaniso: Thina kunye neentsapho zethu sifuna olona nyango lusemagqabini. Xa sigula, siya koogqirha abanobuchule bokunyanga ngaphandle kwegazi. Siyayixabisa indlela ezihambela phambili ngayo ezonyango. Phofu ke, ukuhambela phambili konyango ngaphandle kwegazi okunceda izigulane ezingamaNgqina, ngoku kunceda wonke umntu. Kumazwe amaninzi, nasiphi na isigulane sinokungalwamkeli utofelo-gazi kuba siphepha izifo ezifumaneka egazini, ingxaki olunokuyibangela kwi-immune-system, neempazamo ezinokwenziwa ngabantu.

Ubuxoki: AmaNgqina kaYehova akholelwa ukuba ukholo luyamphilisa umntu.

Inyaniso: Asiphilisi abantu ngokholo.

Ubuxoki: Ukunyangwa ngaphandle kwegazi kubiza imali eninzi.

Inyaniso: Ukunyangwa ngaphandle kwegazi kunciphisa iindleko. a

Ubuxoki: Nyaka ngamnye kufa maNgqina amaninzi, kuquka abantwana, ngenxa yokungafuni ukutofela igazi.

Inyaniso: Bubuxoki obo. Oogqirha basoloko besenza utyando olunzima olufana nokutyanda intliziyo, amathambo nokufakela ilungu lomzimba ngaphandle kwegazi. b Izigulane, kuquka abantwana, abangatofelwanga gazi badla ngokuphila ngokufanayo okanye ngaphezu kwabo batofele igazi. c Phofu ke, akakho onokuqiniseka ukuba umntu uza kufa kuba engakhange avume ukutofelwa igazi okanye uza kuphila kuba etofelwe igazi.

Kutheni amaNgqina kaYehova engavumi ukutofelwa igazi?

Oku kunento yokwenza nonqulo, hayi ezonyango. ITestamente Endala kunye neNtsha zitsho ngokucacileyo ukuba sizikhwebule egazini. (Genesis 9:4; Levitikus 17:10; Duteronomi 12:23; IZenzo 15:28, 29) Kwakhona, kuThixo igazi limela ubomi. (Levitikus 17:14) Ngoko igazi asilitofeli kungekuphela nje kuba sithobela uThixo, kodwa siyamhlonela njengoMniki-bomi.

Iimbono ziyatshintsha

Utyando olunzima lunokuphumelela ngaphandle kokutofelwa igazi

Ngaxa lithile abezonyango babesithi iindlela zokuphepha utofelo-gazi, ezikwabizwa ngokuba lunyango ngaphandle kwegazi ziyingozi, zingade zimbulale umntu, kodwa kwiminyaka yakutshanje baye ababona ngaloo ndlela. Ngokomzekelo, ngo-2004, inqaku elikwiphephancwadi elifundisa ngamayeza labonisa ukuba “kwiminyaka ezayo abantu baza kunyangwa ngendlela anyangwa ngayo amaNgqina kaYehova.” d Inqaku elikwiphephancwadi iHeart, Lung and Circulation lathi ngo-2010 “‘unyango ngaphandle kwegazi’ alufanele lwenziwe kumaNgqina kaYehova kuphela kodwa lumele lube yindlela yokunyanga zonke izigulane.”

Ngoku ehlabathini lonke amawaka oogqirha akalisebenzisi igazi xa esenza utyando olunzima. Namazwe asakhasayo ayazisebenzisa izinto ezisetyenziswa endaweni yegazi yaye zicelwa nazezinye izigulane ezininzi ezingengawo amaNgqina kaYehova.

a Funda incwadi ethi Transfusion and Apheresis Science, Umqulu 33, No. 3, iphe. 349.

b Funda iThe Journal of Thoracic and Cardiovascular Surgery, Umqulu 134, No. 2, iphe. 287-288; iTexas Heart Institute Journal, Umqulu 38, No. 5, iphe. 563; iBasics of Blood Management, iphe. 2; neContinuing Education in Anaesthesia, Critical Care & Pain, Umqulu 4, No. 2, iphe. 39.

c Funda iThe Journal of Thoracic and Cardiovascular Surgery, Umqulu 89, No. 6, iphe. 918; neHeart, Lung and Circulation, Umqulu 19, iphe. 658.

d IContinuing Education in Anaesthesia, Critical Care & Pain, Umqulu 4, No. 2, iphepha 39.