Yiya kwinkcazelo

Yintoni IWatch Tower Bible and Tract Society?

Yintoni IWatch Tower Bible and Tract Society?

IWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania ngumbutho ongenzi ngeniso owasekwa ngo-1884 phantsi kwemithetho yaseCommonwealth of Pennsylvania, eMerika. Lo mbutho usetyenziswa ngamaNgqina KaYehova ukuxhasa umsebenzi wawo owenziwa ehlabathini lonke, oquka ukupapasha iiBhayibhile neencwadi ezisekelwe eBhayibhileni.

Ngokutsho kwezivumelwano zawo, iinjongo zalo mbutho “zezokunqula, ukufundisa nokunceda abantu,” ngokukodwa “ukushumayela nokufundisa ngoBukumkani BukaThixo obuphantsi kukaYesu Kristu.” Ukuze ube lilungu lalo mbutho uyamenywa ibe akuxhomekekanga kwimali onikela ngayo. Amalungu nabaphathi balo mbutho, bancedisa iQumrhu Elilawulayo lamaNgqina KaYehova..

Imibutho Esemthethweni

Ngaphandle kweWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania, kwamanye amazwe amaNgqina KaYehova asebenzisa eminye imibutho esemthethweni. Eminye yale mibutho isebenzisa amagama anjengathi, “Watch Tower,” elithi “Watchtower,” okanye kuguqulelwe elinye lawo.

Ukususela ekusekweni kwayo, le mibutho isemthethweni isincede sakwazi ukwenza izinto ezininzi, njengezi:

  • Ukubhala nokupapasha. Siye sapapasha iiBhayibhile ezizizigidi eziyi-220 neencwadi ezisekelwe eBhayibhileni eziziibhiliyoni eziyi-40 ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-700. Kwiwebhsayithi ethi jw.org abantu bayakwazi ukufunda iBhayibhile simahla ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-120 nokufumana iimpendulo kwimibuzo yeBhayibhile enjengothi, “Buyintoni UBukumkani BukaThixo?

  • Ukufundisa. Siqhuba izikolo eziliqela zokufundisa iBhayibhile. Ngokomzekelo, ukususela ngo-1943, amaNgqina KaYehova angaphezu kwayi-8 000 aye ancedakala kuqeqesho awalufumana kwiSikolo SeBhayibhile SeWatchtower SaseGiliyadi, siwanceda akwazi ukukhonza njengabathunywa bevangeli okanye akwazi ukuxhasa nokomeleza umsebenzi wethu owenziwa ehlabathini lonke. Veki nganye, izigidi zabantu, kuquka abangengomaNgqina, ziqeqeshwa kwiintlanganiso eziqhutywa kuwo onke amabandla ethu. Sikwanazo neeklasi zokufundisa abantu abangafundanga yaye siye sapapasha incwadi ngeelwimi eziyi-110 efundisa abantu ukulesa nokubhala.

  • Ukunceda abantu. Siye sancedisa ngezinto kwabo baye bangamaxhoba eentlekele—enoba zezibangelwe ngabantu, njengesihelegu sango-1994 eRwanda, okanye zezemvelo, njengenyikima yango-2010 eHaiti.

Nangona sekwenziwe imisebenzi emininzi yile mibutho siyisebenzisayo, umsebenzi wethu awuxhomekekanga kuyo. MKristu ngamnye ufanele athobele umyalelo kaThixo wokushumayela nowokufundisa iindaba ezilungileyo. (Mateyu 24:14; 28:19, 20) Sikholelwa ekubeni nguThixo oxhasa umsebenzi wethu yaye iza kuqhubeka inguye ‘okhulisayo.’—1 Korinte 3:6, 7.