Yiya kwinkcazelo

Kutheni Ningayi Emfazweni?

Kutheni Ningayi Emfazweni?

 AmaNgqina kaYehova akayi emfazweni ngenxa yezi zizathu:

  1.   Athobela uThixo. IBhayibhile ithi abakhonzi bakaThixo baya ‘kuwakhanda amakrele abo abe ngamakhuba, yaye abayi kuphinda bafunde mfazwe.’—Isaya 2:4.

  2.   Athobela uYesu. UYesu waxelela umpostile uPetros oku: “Buyisela ikrele lakho endaweni yalo, kuba bonke abathabatha ikrele baya kutshabalala ngekrele.” (Mateyu 26:52) Kule vesi uYesu ubonisa ukuba abalandeli bakhe babengamele basebenzise izixhobo zokulwa.

     Abafundi bakaYesu bathobela umyalelo wakhe wokuba ‘bangabi yinxalenye yehlabathi’ ngokuthi bangangeneleli ezopolitiko. (Yohane 17:16) Abangeneleli kwizinto zomkhosi okanye banqande abo bafuna ukuba semkhosini.

  3.   Athanda abantu. UYesu wayalela abafundi bakhe ukuba ‘bathandane.’ (Yohane 13:34, 35) Ngenxa yokuba babeza kuba yintsapho enye esehlabathini lonke, babengazi kulwa nabazalwana okanye oodade abakwamanye amazwe.—1 Yohane 3:10-12.

  4.   Umzekelo wamaKristu exesha likaYesu. IEncyclopedia of Religion and War ithi: “Abalandeli bakaYesu bokuqala babengayi emfazweni nasemkhosini,” kuba babesazi ukuba oko “kunxamnye nothando lukaYesu nesibongozo sakhe sokuba bathande iintshaba zabo.” Ethetha ngala maKristu, umfundisi waseJamani, uPeter Meinhold wathi: “Ukuba ngumKristu uze kwangaxeshanye ube lijoni kwakujongwa njengokudibanisa izinto ezingadibaniyo.”

Ukunceda abahlali

 AmaNgqina kaYehova aluncedo yaye akabangeli ngxaki kumazwe ahlala kuwo. Siyawahlonipha amagunya ngenxa yalo myalelo weBhayibhile:

  •   ‘Wathobeleni amagunya awongamileyo.’—Roma 13:1.

  •   “Buyiselani izinto zikaKesare kuKesare, kodwa izinto zikaThixo kuThixo.”—Mateyu 22:21.

 Ngoko sithobela umthetho, sibhatale irhafu yaye siyasebenzisana neenzame zikarhulumente zentlalo-ntle.