Yiya kwinkcazelo

Ngaba Niyakwalelwa Ukubukela Iimovie, Ukufunda Iincwadi Okanye Ukumamela Umculo Othile?

Ngaba Niyakwalelwa Ukubukela Iimovie, Ukufunda Iincwadi Okanye Ukumamela Umculo Othile?

 Akunjalo. Intlangano yethu ayihloli iimovie, iincwadi okanye umculo othile ukuze ibeke umthetho kumalungu awo ukuba aziphephe. Ngoba?

  IBhayibhile ikhuthaza ngamnye kuthi ukuba aqeqeshe ‘amandla akhe okuqonda’ ukuze akwazi ukwahlula okulungileyo kokubi.—Hebhere 5:14.

  IZibhalo zinemithetho ebonisa ukuba umKristu unokuzikhethela indlela anokuzonwabisa ngayo. a Njengakuzo zonke iinkalo, eyona nto ibalulekileyo kuthi ‘kukuqiniseka ngoko kwamkelekileyo eNkosini.’​—Efese 5:10.

  IBhayibhile ifundisa ukuba iintloko-ntsapho zinomlinganiselo othile wegunya, ngenxa yoko zisenokukhetha ukungazivumeli iintsapho zazo ukuba zizonwabise ngendlela ethile. (1 Korinte 11:3; Efese 6:1-4) Noko ke, akukho mntu unegunya lokwalela amanye amalungu ebandla ngeefilimu okanye umculo amabawumamele.​—Galati 6:5.

a Ngokomzekelo, iBhayibhile igatya nantoni na ekhuthaza ukusebenzelana nemimoya, ukuziphatha kakubi ngokwesini okanye ugonyamelo.​—Duteronomi 18:10-13; Efese 5:3; Kolose 3:8.