Yiya kwinkcazelo

Ngaba Niyazikhupha Izishumi?

Ngaba Niyazikhupha Izishumi?

Akunjalo. AmaNgqina kaYehova akazikhuphi izishumi, kodwa umsebenzi wethu uxhaswa yiminikelo yokuzithandela. Yintoni isishumi ibe kutheni amaNgqina kaYehova engasikhuphi?

UMthetho wokukhupha izishumi wawunikwe uhlanga lwamaSirayeli amandulo. Kodwa iBhayibhile iyenza icace into yokuba lo Mthetho, kuquka lo “wokuqokelela izishumi,” awusebenzi kumaKristu.​—Hebhere 7:5, 18; Kolose 2:13, 14.

Kunokukhupha izishumi nokwenza imibingelelo, amaNgqina kaYehova axelisa amaKristu okuqala ngokuxhasa umsebenzi wokushumayela ngezi ndlela zimbini: ngokufundisa nokushumayela bengabhatalwa nangeminikelo yokuzithandela.

Silandela lo myalelo weBhayibhile: “Ngamnye makenze kanye njengoko egqibile entliziyweni yakhe, kungekhona ngokukrokra okanye ngokunyanzelwa, kuba uThixo uthanda umphi ochwayitileyo.”​—2 Korinte 9:7.