Yiya kwinkcazelo

Ngaba AmaNgqina KaYehova Ayazihlonela Ezinye Iicawa?

Ngaba AmaNgqina KaYehova Ayazihlonela Ezinye Iicawa?

Silandela icebiso leBhayibhile elithi “hloniphani bonke abantu”—kungakhathaliseki ukuba bakweyiphi na icawa okanye bakholelwa entwenini na. (1 Petros 2:17, iToday’s English Version) Ngokomzekelo, kwamanye amazwe kukho amaNgqina kaYehova angamawaka-waka. Nakuba kunjalo, asizami kunyanzela abezopolitiko, okanye abantu abasemagunyeni ukuba bazibhangise ezinye iicawa. Asiphumi phulo lokuba kumiselwe imithetho enyanzela abanye ukuba baphile ngendlela esiphila ngayo baze bakholelwe kwizinto esikholelwa kuzo. Kunokuba senze njalo, abanye sibahlonela ngendlela ebesingathanda ukuba basihlonele ngayo.—Mateyu 7:12.