Yiya kwinkcazelo

Indibano YesiTagalog ERoma​—“Ibikukumanyaniswa Kwentsapho Enkulu!”

Indibano YesiTagalog ERoma​—“Ibikukumanyaniswa Kwentsapho Enkulu!”

Kungaphezu kweekhilomitha ezili-10 000 ukusuka kwiiPhilippines—apho bahlala khona abantu abathetha isiTagalog—amawaka amaNgqina kaYehova athetha isiTagalog adibana eRoma, eItaly, kwindibano engafaniyo nezinye eyayingoJulayi 24-​26, 2015.

Kuqikelelwa ukuba kukho amaFilipino angaphezu kwama-850 000 ahlala eYurophu. Ngenxa yoko, amabandla angama-60 namaqela amaNgqina kaYehova aba neentlanganiso ngesiTagalog aze ashumayele kumaFilipino asekuhlaleni.

Noko ke, onke amabandla namaqela ahlanganisana ndawonye okokuqala kwindibano yeentsuku ezintathu ngolwimi lwabo eRoma. Abantu abangama-3 239 ababekhona baba nemincili kukuva intetho yokuqukumbela suku ngalunye kaMzalwana uMark Sanderson weQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova owayekade ekhonza kwiiPhilippines.

“Zindifikelele Intliziyo”

Ngaba ukho umahluko xa usiya kwindibano yolwimi lwakho okanye eyolunye ulwimi? UEva umama ongatshatanga uthi: “Andisazi kangako isiNgesi, kodwa ndiyabulela ngale ndibano yesiTagalog, iimfundiso zeBhayibhile zindifikelele intliziyo.” Ukuze bonge imali yokusuka eSpeyin ukuya eItaly, yena nabantwana bakhe ababini bagqiba kwelokuba bangatyi kwiivenkile zokutyela veki nganye njengoko bebesenza kodwa baphume kanye ngenyanga. UEva uthi, “Andizisoli ngaloo nto ngenxa yokuba ndeva yonke into endibanweni!”

UJasmin ohlala eJamani, wacela iintsuku ukuze akwazi ukuya endibanweni. Uthi, “Ngaphambi kokuba ndihambe ndaxelelwa ukuba andizukwazi ukufumana iintsuku kuba mninzi umsebenzi ekufuneka wenziwe. Ndazola, ndathandaza kuYehova ndaza ndathetha nomphathi. Sakwazi ukuhlengahlengisa umsebenzi ukuze ndikwazi ukuya kwindibano! Kwakumangalisa ukufumana ithuba lokuba kunye nabazalwana noodade wethu abangamaFilipino abasuka kulo lonke elaseYurophu.”

Kakade, amaFilipino amaninzi ahlala eYurophu awakhumbuli amakhaya awo kuphela kodwa akhumbula nabahlobo bawo abafudukela kwezinye iindawo eYurophu. Le ndibano incede abahlobo abaninzi bazana ngakumbi njengabazalwana noodade. (Mateyu 12:48-50) UFabrice uthi: “Ukubona abantu endibaziyo kundenze ndaba nemincili!” Ekupheleni kwendibano, omnye udade wathi, “ibikukumanyaniswa kwentsapho enkulu!”