Yiya kwinkcazelo

Amawaka Abantu Afunda Ukulesa Nokubhala

Amawaka Abantu Afunda Ukulesa Nokubhala

Ngo-2011, amaNgqina kaYehova ancede abantu abangaphezu kwe-5 700 bakwazi ukulesa nokubhala.

EGhana:

Kwiminyaka eyi-25 edluleyo, siye sanceda abantu abayi-9 000 bafunda ukulesa nokubhala.

EZambia:

Ukususela ngo-2002, phantse babe yi-12 000 abantu abaye baphucula indlela abafunda nababhala ngayo. UAgnes, oneminyaka eyi-82 uthi: “Xa kwachazwa ebandleni ukuba kuza kubakho iiklasi zabangakwaziyo ukufunda nokubhala, ndaba ngowokuqala ukubhalisa. Kwisifundo sokuqala, ndafunda ukubhala igama lam!

EPeru:

Umfundi oneminyaka eyi-55 wabhala wathi: “Zange ndiyicinge nokuyicinga into yokufunda ukulesa nokubhala ngoba abazali bam abazange bandise esikolweni.

EMozambique:

Kule minyaka iyi-15 edluleyo, bangaphezu kwe-19 000 abantu abaye bafunda ukulesa. Umfundi ogama linguFelizarda uthi: “Iyandivuyisa into yokuba ngoku ndikwazi ukufundela abanye iincwadi zeBhayibhile. Ndandingakwazi ukuyenza loo nto ngaphambili.

KwiiSolomon Islands:

Iiofisi zethu zamasebe zithi: “Kwixa elidluleyo, abantu abaninzi abahlala kwimimandla esemagqagaleni babengenandlela yokuya esikolweni. Enye into, ambalwa amantombazana afundileyo. Ngoko, abantu abadala baye bazuza kakhulu kwezi klasi zabangakwaziyo ukufunda nokubhala. Emva kokuba beyigqibile le klasi, abaninzi baye bazithemba kakhulu.