Yiya kwinkcazelo

Incwadi Yamabali EBhayibhile Ihanjiswa Ezikolweni

Incwadi Yamabali EBhayibhile Ihanjiswa Ezikolweni

Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile yesiPangasinan, eyakhululwa ngo-2012, inceda abantwana bezikolo zakwiiPhilippines abathetha olu lwimi. Le ncwadi ihambisana kakuhle nomyalelo weSebe Lezemfundo lakwiiPhilippines wokuba abantwana bafundiswe ngolwimi lwabo lweenkobe kumabanga aphantsi.

Kuthethwa iilwimi ezingaphezu kweziyi-100 kwiiPhilippines yaye kudala kuxoxwa ngokuba luluphi ulwimi ekumele kufundiswe ngalo ezikolweni. Ngo-2012, umyalelo owakhutshwa liSebe Lezemfundo wathi, “xa abantwana befundiswa ngolwimi lwabo lweenkobe bakhawuleza bazibambe izinto abazifundiswayo.” Ngenxa yoko, abantwana baqalisa ukufundiswa ngolwimi lwabo.

IsiPangasinan lolunye lweelwimi ezaziza kusetyenziswa xa kufundiswa. Kodwa kwakukho ingxaki. Enye iprinsipali yathi, zimbalwa iincwadi zokufundisa ngesiPangasinan. Lafaneleka gqitha ixesha eyakhululwa ngalo Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile ngesiPangasinan, kwiindibano zesithili zamaNgqina kaYehova ngoNovemba 2012.

Kwenziwa iincwadi ezimalunga ne-10 000 ezaziza kukhutshwa kwezi ndibano. Abantwana nabazali babo bakuvuyela gqitha ukufumana incwadi ngolwimi lwabo. Esinye isibini sathi: “Abantwana bethu bayayithanda kuba bayiva kakuhle.”

Emva kwendibano, amaNgqina ambalwa asa Incwadi Yamabali EBhayibhile kwisikolo sesiXeko saseDagupan. Ootitshala baso ababesokola ukufumana iincwadi zokufundisa ngesiPangasinan bayivuyela le ncwadi. Kwahanjiswa iincwadi ezingaphezu kwe-340. Ootitshala baqalisa kwangoko ukuzisebenzisa ekufundiseni abantwana.

AmaNgqina kaYehova ayavuya kuba le ncwadi inceda ekufundiseni abantwana. Omnye wabaguquleli bale ncwadi wathi: “Besisoloko sikuqonda ukubaluleka kokwenza iincwadi ngeelwimi abantu abazithethayo, ukuze bafikelelwe intliziyo. Ngenxa yoko, amaNgqina aye asebenza nzima ekuguquleleni iiBhayibhile neencwadi ezisekelwe kuyo ngeelwimi ezininzi.”