Yiya kwinkcazelo

Iitroli Zeencwadi Ezingaphezu Kwe-165 000

Iitroli Zeencwadi Ezingaphezu Kwe-165 000

AmaNgqina KaYehova, adume ngomsebenzi wawo wokushumayela kwindlu ngendlu, ngoku uya kufika eme ecaleni kweetroli ezintle zeencwadi kwiindawo ezinabantu abaninzi.

Le ndlela yokushumayela iye yakhuthazwa kakhulu mva nje. NgoNovemba 2011, iqela lamaNgqina KaYehova eNew York laye lazam’ ukuqhelanisa abantu neendaba eziseBhayibhileni ngokusebenzisa iitroli neetafile zeencwadi. Eli phulo lazala amaduna namathokazi kangangokuba lade lanwenwela nakwezinye izixeko.

NgoMatshi 2015, bezisele ziyi-165 390 iitroli ezithunyelwe kumabandla amaNgqina KaYehova ehlabathini lonke. Akwasebenzisa iitafile nezitendi ezininzi.

Ukushumayela kwindlu ngendlu kuseyeyona ndlela iphambili ashumayela ngayo amaNgqina. Kodwa ke, nale indlela iye yanemiphumo emihle. Nantsi eminy’ imizekelo.

EPeru, eny’ indoda enguRaul yeza kwitroli yamaNgqina yaza yathi: “Benikade niphi? Oko ndikhangela amaNgqina iminyaka emithathu yonke! Ndivele ndambulela uThixo ndisakubhaqa le troli.”

Nangona ayeshumayela amaNgqina KaYehova kwindawo ahlala kuyo uRaul, wayesoloko engekho ekhaya ngexesha lasemini okanye ngeempelaveki. Wabalis’ ukuba wayekade efunda iBhayibhile namaNgqina, ibe wayefuna ukuphinda aqhubeke neso sifundo. Kwaye kwahlengahlengiswa ukuba aphinde aqhubeke nokufunda.

Esiny’ isibini esiselula eBulgaria, sathatha incwadi ethi Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho kwitroli. Kwiveki elandelayo sabuya saza sathatha iincwadi ezimbini: Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile nethi Funda Kumfundisi Omkhulu. INgqina elalisetrolini lasibuza ukuba sinabantwana abangaphi. Sathi: “Asikabi nabo okwangoku, kodwa xa sesinabo sifuna ukubafundisa ngoThixo. Ezi ncwadi besizidinga nyhani.”

Indoda eyayinxibe iimpahla zamajoni eUkraine yeza kwitroli yamaNgqina, yaza yathi: “Khanitshoni kaloku mantombazana, ifika nini iArmagedon?” Le ndoda yayisandul’ ukulwa kweliny’ idabi laseUkraine. Izinto ezenzekayo emhlabeni zamenza waqiniseka ukuba iArmagedon isondele, ibe wayezibuza ukuba uThixo kutheni engade angenelele. La maNgqina ayicacisela ukuba iBhayibhile ithi uThixo unesizathu esihle sokuba engekangeneleli kwiingxaki zabantu futhi ithi kungekudala uza kubususa bonke ububi. Le ndoda yathatha iMboniselo noVukani! kunye nencwadi yesiNgesi ethi Is There a Creator Who Cares About You?

EMakedoni, omny’ umfana waxelela amaNgqina awayekwitroli ukuba uqhelile ukufunda iimagazini zawo kodwa ngoku into ayifunayo yincwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Wathi uza kuvele aye ngqo kwindawo yethala leencwadi ayifundele khona.

Emva kweeyure ezimbini, wabuya egqibe amaphepha ayi-79 onke. Wathi: “Le ncwadi iyabutshintsh’ ubomi! Nditsho ndabon’ ukuba le nto bendikade ndiyikholelwa ibingachananga. Yonk’ into ethethwa yile ncwadi iyadibana. Iyitshintsha nyhani indlela endibuqonda ngayo ubomi!”