Yiya kwinkcazelo

Umsebenzi Owenziwa EWallkill NaseWarwick Uhambela Phambili

Umsebenzi Owenziwa EWallkill NaseWarwick Uhambela Phambili

Umsebenzi omkhulu wamaNgqina kaYehova owenziwa kwezi dolophu zimbini zaseUnited States uhambela phambili ngenxa yokuzibhokoxa kwabantu abasebenza ngokuzithandela abasuka kulo lonke eli lizwe.

EWallkill, eNew York: Esi sakhiwo sihlala amaNgqina angaphezu kwe-1 600 yaye kulapho kuprintwa khona iincwadi zawo eUnited States. Ukuze kwenziwe umsebenzi ongakumbi eWallkill, abakhi​—abaninzi kubo basebenza ngokuzithandela​—bakha iofisi enemigangatho emithathu, indawo yokupaka iimoto kunye nesakhiwo sokuhlala esinemigangatho emithathu. Ngo-2012, aba basebenzi bebesele begqibile ukwakha indawo yokugcina izinto zobuchwephetsha nokwandisa indawo yokutyela eza kuhlala abantu abayi-200.

AmaNgqina kaYehova anezakhiwo ezikhulu ekwalathiswa kuzo umsebenzi, ezibizwa ngokuba ziiofisi zamasebe kumazwe amaninzi afana neBrazil, iJamani neMexico. EUnited States, amaNgqina kaYehova analo neziko lokufundisa elisePatterson, eNew York, kunye neeofisi eziseBrooklyn. Xa kugqityiwe ukwandisa izakhiwo, iWallkill iza kuba sesona sakhiwo sikhulu esisetyenziswa ngamaNgqina kaYehova ehlabathini lonke.

EWarwick, eNew York: Esi sakhiwo sikhulu siza kuba likomkhulu elitsha lamaNgqina kaYehova. Izakhiwo ebezikho nebezingenabantu zidiliziwe. AmaNgqina afumene isiza eTuxedo, eNew York, ekumgama oziikhilomitha eziyi-10, apho aza kugcina khona oomatshini nezinto zokwakha. Abasemagunyeni baye bayamkela indlela engazukonakalisa nto aza kwakha ngayo amaNgqina. Xa iye yamkelwa iplani yesi sakhiwo, kuya kucelwa imvume yokwakha. Okwangoku, ikomkhulu lehlabathi lamaNgqina kaYehova liseseBrooklyn, eNew York.