Yiya kwinkcazelo

Iifoto Zesibini ZaseBritani (Ukususela NgoSeptemba 2015 Ukuya Kutsho NgoAgasti 2016)

Iifoto Zesibini ZaseBritani (Ukususela NgoSeptemba 2015 Ukuya Kutsho NgoAgasti 2016)

AmaNgqina KaYehova ayafuduka kwiofisi yesebe ebiseMill Hill, eLondon, aya kufutshane nesixeko saseChelmsford, e-Essex esimalunga neekhilomitha eziyi-70 ukusuka kwesi ebekuso. Bona indlela ohambele phambili ngayo umsebenzi phakathi kukaSeptemba 2015 noAgasti 2016 kwezi foto.

Ngo-Oktobha 29, 2015​—Indawo Yolwakhiwo

Abasebenzi bagalela ikhonkriti phambi kwegaraji eza kugcina izinto ezisetyenziswayo xa kusakhiwa.

NgoDisemba 9, 2015​—Indawo Yolwakhiwo

Abasebénzi bafakela uphahla kwisakhiwo ekuza kubakho kuso iiofisi negumbi lokutyela ngoxa kusakhiwa.

NgoJanuwari 18, 2016​—Indawo Yolwakhiwo

Kwindawo yokungena, umsebénzi usebenzisa umatshini omkhulu onamatsheyina okwemba umhlaba nomatshini wokusarha imithi ukuze kusarhwe imithi engafunekiyo. Umatshini wokusarha ubamba umthi uze uwusarhe esiqwini, wona umatshini omkhulu onamatsheyina okwemba umhlaba uyawuphakamisa umthi. Kuba bekususwe eminye imithi, abalungisi bomhlaba baza kutyala imithi emininzi kakhulu ngaphambi kokuba kugqitywe ukwakhiwa.

NgoMatshi 31, 2016​—Isiza

Abasebénzi basusa izinto ezingafunekiyo emhlabeni. Bayakwazi ukuwucoca baze baphinde bawusebenzise.

NgoAprili 14, 2016​—Isiza

Abasebénzi balungiselela ukunyusa amagumbi ngomatshini wokunyusa izinto ezinkulu. Abakhi nabo baze kuncedisa okwexeshana bawenza iiofisi nezinye iindawo zokusebenzela la magumbi.

NgoMeyi 5, 2016​—Isiza

Abasebénzi baqokelela izinto ezinokuphinda zisetyenziswe baze bazifake kwimigqomo yokuzigcina. Ikomiti Yolwakhiwo ifuna ukuqokelela zonke izinto eziyingozi ize izikhuphe kwindawo ekulahlwa kuyo inkunkuma, kodwa sele iyenza loo nto. Ukongezelela koko, i-89 pesenti yenkunkuma enjengezitena, ikhonkriti nemithi kuthwa iza kuphinda isetyenziswe xa kusakhiwa.

NgoMeyi 23, 2016​—Isiza

Umsebénzi ufaka umhlaba kumngxuma wokufaka imibhobho. Le migxuma yenzelwe ukufaka izinto zokwakha ezisetyenziswa ngabasebénzi okwexeshana.

NgoMeyi 26, 2016​—Isiza

Umsebénzi uqokelela umhlaba ukuze abone ukuba unako ukusetyenziswa kusini na xa kusenziwa indlela kwesi siza.

NgoMeyi 31, 2016​—Umzobo Wesiza

NgoMeyi 31, 2016, iQumrhu Elilawulayo lamaNgqina KaYehova livumile ukuba kwakhiwe esi sakhiwo. Kuba iQumrhu Elilawulayo livumile, nabasemagunyeni basekuhlaleni bevumile emva kokubona iplani, ulwakhiwo luyaqhubeka.

NgoJuni 16, 2016​—Isiza

Abasebénzi basusa izinto ezingafunekiyo kumhlaba ofunyenwe kwisiza. Lo mhlaba unokuphinda usetyenziswe kwenye indawo. Ukwenza lo msebenzi kuphungula iindleko zokususa umhlaba kwisiza nokuthenga izinto ezifunekayo ukuze kugalelwe omnye endaweni yalo ususiweyo.

NgoJuni 20, 2016​—Isiza

Abasebénzi bacoca indawo eza kwakhiwa kuyo indawo yokungena. Abasebénzi baqhubekile nalo msebenzi nangona bekukho izantyalantyala zemvula ezishiye isiza singxovungxovu.

NgoJulayi 18, 2016​—Isiza

Kufefwa amanzi endleleni ukuze kungabikho thuli. Ukugcina isiza ekwakhiwa kuso sicocekile kuhambisana nomthetho wombutho ebhalise kuwo iKomiti Yokwakha. Lo mthetho ukhuthazwa ngulo mbutho uhambisana nemigaqo yeBhayibhile yokuhlonela abahlali nokucingela abamelwane.

NgoJulayi 18, 2016​—Isiza

Udade osebenza ngeentsimbi usika imibhobho eza kuhambisa umoya.

NgoJulayi 22, 2016​—Isiza

Abasebénzi bohlula iimitha iziyi-20 000 zomhlaba kwizitena ezincinci namatye amancinci. Njengoko sibona kumfanekiso, umhlaba ugalelwa kwindawo yokwahlula umhlaba eziteneni nasematyeni. Kusetyenziswa izinto zokucola izinto ezingalinganiyo, izinto ezingafunwayo ezinkulu neziphakathi ziyohlulwa uze umhlaba uwele ngezantsi. Oomatshini abakumacala amathathu basa inkunkuma kwiilori zenkunkuma.

NgoJulayi 22, 2016​—Isiza

Abasebénzi basusa umhlaba omninzi baze bagangathe ukuze umgangatho ulingane.

NgoAgasti 18, 2016​—Isiza

Ngasekhohlo kumfanekiso, abasebénzi bagqibezela ukugangatha umhlaba ukuze baqalise ukusebenza. Ngasemva kwicala elingasekhohlo, kukho isakhiwo esigqityiweyo esihlala abasebénzi abayi-118.