Yiya kwinkcazelo

MEYI 2, 2014
ECHILE

Umlilo Owatshisa EValparaíso EChile

Umlilo Owatshisa EValparaíso EChile

EPUENTE ALTO, eChile—NgoAprili 13, 2014, isixeko saseValparaíso eChile satsha ngumlilo owanwenwa ngenxa yomoya omkhulu owawusuka kuLwandlekazi lwePasifiki. Loo mlilo wabulala ubuncinane abantu abayi-15 baza abayi-500 bonzakala. Izindlu ezimalunga neziyi-2 900 zatsha nqunqe yaye abantu abangaphezu kwabayi-10 000 basala bengenamakhaya.

Iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eseChile yachaza ukuba enye indoda ebisele ikhulile yasweleka kuloo mlilo. Ukongezelela, amaNgqina ayi-89 aphulukana namakhaya awo. Uninzi lwabaphulakana namakhaya, baye bahlala okwexeshana kwizindlu zabazalwana. Ngokukhawuleza iofisi yesebe yaye yaseka ikomiti yokunceda ngeli xesha lentlekele ukuze kuncedwe abantu abachaphazekileyo. Amaqela amavolontiya sele eqalile ukulungisa lo monakalo. Xa iimeko zivuma, la mavolontiya aza kuqala ukwakha kwakhona izindlu ezimalunga neziyi-28 zamaNgqina ebetshelwe.

UJason D. Reed osisithethi samaNgqina kaYehova eChile wathi: “Sibuhlungu ngalo monakalo ubangelwe ngulo mlilo. Kubuhlungu ukuswelekelwa ngumzalwana wethu oyintanda, ibe siyababeka emithandazweni abo baswelekelwe zizalamane nabahlobo. Siza kuqhubeka sibanceda abantu nangayo nantoni na eyimfuneko enokubanceda ukuze bamelane neentlungu ezibangelwe yile ntlekele.”

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

EChile: UJason D. Reed, tel. +56 2 2428 2600