Yiya kwinkcazelo

Umfanekiso obonisa umthetho okhutshwe nguMphathiswa Wezemfundo eKenya

JUNI 7, 2022
EKENYA

URhulumente WaseKenya Ukhuphe Umthetho Okhusela Amalungelo Abantwana Besikolo

URhulumente WaseKenya Ukhuphe Umthetho Okhusela Amalungelo Abantwana Besikolo

UMphathiswa Wezemfundo eKenya usandokhupha umthetho ecela abaphathi bezikolo ukuba bakhusele amalungelo onqulo lwabafundi. Lo mthetho uye wakhutshwa ngoMatshi 4, 2022. Sinethemba lokuba uza kunceda ekukhuseleni amalungelo abantwana bamaNgqina kaYehova, ababecalucalulwa kangangexesha elide.

Ukuqala ngo-2015, abantwana abangamaNgqina kaYehova abayi-36 baye bagxothwa ngenxa yokungavumi ukwenza izinto zonqulo ezenziwa esikolweni. Ngo-2018, abameli beofisi yesebe yamaNgqina KaYehova eNairobi baye badibana namagosa ezemfundo eKenya, becela ukuba kuphele olu calucalulo. Ngokomzekelo, ngo-Oktobha 23, 2018, abameli badibana noGqirha Amina Mohamed owayenguNobhala wezeMfundo ngelo xesha.

Umthetho karhulumente uyavuma ukuba eKenya abanye “abalawuli nabaphathi bezikolo basebenzisa izizathu ezingavakaliyo ukuze abantwana bangayi esikolweni.” Lo mthetho uyachaza ukuba “ezinye izikolo zaphula amalungelo onqulo lwabafundi, yaye zisebenzisa unqulo njengonobangela wokuba bagxothwe abafundi esikolweni.”

Lo mthetho kuthethwa ngawo kakhulu eKenya. Iindaba zithi lo mthetho uqinisekisa ukuba “ukungahlonitshwa kwamalungelo onqulo akudibani neminye imithetho eyahlukahlukeneyo yelizwe, iindibano zengingqi nezezizwe ngezizwe, ingakumbi, uMgaqo-siseko waseKenya.” Ngoko ke, abantwana bamaNgqina nabanye abanakucelwa “ukuba benze into engadibaniyo nonqulo lwabo.” Igqibezela ngokucela bonke abaphathi bezikolo bawuthobele lomthetho.

UKimberly Nyang’ate ongudade waseNairobi oneminyaka eyi-17 uthi: “Abazali bam baye babizwa esikolweni ngaphezu kwezihlandlo eziyi-5 ngenxa yokumela unqulo lwam. Ndiyavuya kuba sinalo mthetho oza kusinceda simele iimfundiso zeBhayibhile.”

Sinombulelo kuba amagosa aye abeka lo mthetho oza kubanceda bahlale beqinile elukholweni abantwana bethu eKenya.—1 Korinte 15:58.