Yiya kwinkcazelo

JULAYI 17, 2013
EKHANADA

Izikhukhula Zibangele Kwadama EAlberta

Izikhukhula Zibangele Kwadama EAlberta

NgoJuni 19, 2013, kwanetha izantyala-ntyala zemvula kwiphondo laseKhanada, iAlberta. Ngenxa yoko, kwasweleka abantu abane baza abangaphezu kwe-100 000 bafuduselwa kwezinye iindawo. AmaNgqina kaYehova ayi-298 aye afuduselwa kwezinye iindawo, nendibano eyayiza kuba seSaddledome, iholo eliseCalgary, eAlberta yatshintshelwa kolunye usuku. Kwidolophu yaseHigh River, izikhukhula zonakalisa amakhaya ayi-58 amaNgqina kaYehova kunye neHolo yoBukumkani. Ikomiti encedayo ngexesha lentlekele, enabazalwana bakule dolophu iye yanceda, kwaye ummeli weofisi yesebe yamaNgqina aseKhanada weza kuthuthuzela abo bathwaxwe yile ntlekele ngeZibhalo.

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

EKhanada: UMark Ruge, tel. +1 905 873 4100