Yiya kwinkcazelo

NGOFEBRUWARI 2, 2022
EMADAGASCAR

Iimvula Ezinkulu Zenze Kwakho Izikhukula EMadagascar

Iimvula Ezinkulu Zenze Kwakho Izikhukula EMadagascar

Ngo-Januwari 2022, iimvula ezinkulu zenze kwakho izikhukula, kwadilika imihlaba nezakhiwo kwidolophu yaseAntananarivo, eMadagascar. Kulindeleke ukuba ezi mvula zinkulu ziqhubeke zikhona.

Indlela Abachaphazeleke Ngayo Abazalwana Noodade

  • Akho nomnye umzalwana okanye udade olimeleyo okanye oswelekileyo

  • Abavakalisi abayi-693 kuye kwafuneka bawashiye amakhaya abo

  • Akho Holo ZoBukumkani zimoshakeleyo

Iindlela Zokunceda

  • Ikomiti YeSebe iye yamisela Ikomiti Yokunceda kule ntlekele (iDRC) ukuze ilungiselele ukunceda ngoxa ithobela imithetho yekhorona

  • I-DRC, abaveleli beziphaluka, nabadala basekuhlaleni baye banceda abazalwana ukuba bahlale besondele kuYehova nokuba bafumane izinto abazidingayo. Ngokomzekelo baye babanceda bafumana iindawo zokuhlala, ukutya, nezinye izinto

Siqinisekile ukuba uYehova uza kuqhubeka esiba “yindawo ekhuselekileyo” kubazalwana noodade kweli xesha linzima.—INdumiso 31:2.