Yiya kwinkcazelo

UDade Danusha Santhakumar (ekhohlo), uvulindlela okhethekileyo, usebenzisa imizobo kwisifundo asiqhubayo. UMzalwana noDade Modaragamage (ekunene), abakhonza kwibheteli yaseSri Lanka, baqhuba isifundo nomntu ongevayo ngeendlebe besebenzisa ividiyo

MEYI 6, 2020
ESRI LANKA

Abavakalisi Abakwintetho Yezandla Bayashumayela Nangona Sivaleleke Emakhayeni

Abavakalisi Abakwintetho Yezandla Bayashumayela Nangona Sivaleleke Emakhayeni

Njengakwamanye amazwe, abasemagunyeni eSri Lanka baye babeka imithetho ethile kuba besilwa nokusasazeka kweCorona. Ukuze abazalwana noodade abasebenzisa intetho yezandla bathobele loo mithetho, basebenzisa iteknoloji ukuze bashumayele kubantu abangevayo nabangeva kakuhle.

UVihanga Fernando, udade onguvulindlela, ushumayela ngokubhala iileta. Ngenxa yokuba abantu abaninzi abangevayo bengakwazi ncam ukufunda izinto ezibhaliweyo, uye afake imifanekiso kwezo leta ukuze enze imizekelo yezinto eziseBhayibhileni icace.

UDade Fernando uchaza ngegama likaThixo kwileta ayibhalayo esebenzisa imifanekiso nolwimi lwesiSinhala

Ekuqaleni, UDade Rosie Chithravelautham wayengayiqondi ukuba izakusebenza into yokuqhuba izifundo ngevideoconferencing. Uthi: “Ndandidla ngokubafowunela abantu abangevayo kuqala kodwa qho ndibafowunela sasiba nengxaki yeintanethi okanye abanye bangayiva kakuhle into endiyithethayo.” Kodwa, kuba uRosie wayezimisele ukuqhubeka eshumayela, waphinda wazama. Waye wakwazi ukuqhuba izifundo ezithathu zeBhayibhile ibe izifundo zakhe ngoku ziyaya kwintlanganiso zisebenzisa ivideoconferencing.

UNirosha Shiranthi, udade ongevayo ngeendlebe nowabhaptizwa ngoMatshi 2020, kwafuneka oyise uloyiko awayenalo lokushumayela ngevidiyo. Wathandaza kuYehova emchazela ingxaki anayo. Emva koko wafaka ifomu yokuba nguvulindlela ongumncedani ngexesha leSikhumbuzo. Abantu abaninzi abangevayo baye bazamkela izimemo zikaNirosha. Abanye babo bafuna ukufunda ngezinto ezibonisa ukuba sikwimihla yokugqibela. UNirosha watsho wanezifundo ezisixhenxe ezitsha. Uthi: “Ndonwaba kakhulu xa ndishumayela. Nangona sivaleleke ezindlini, siyakwazi ukushumayela. UYehova usoloko eyenza iphumelele into ayifunayo.” UNirosha ngoku unguvulindlela oqhubekayo.

Ayasivuyisa la mava amnandi aseSri Lanka. Abonisa imiphumo emihle yomsebenzi owenziwe ngabazalwana noodadewethu abangevayo nabangeva ncam ukuze kuzukiswe igama likaYehova.—INdumiso 113:1.