Yiya kwinkcazelo

Ukuzincama KukaYesu Kuyiyo Njani “Intlawulelo Kwabaninzi”?

Ukuzincama KukaYesu Kuyiyo Njani “Intlawulelo Kwabaninzi”?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Ukuzincama kukaYesu kuyindlela kaThixo yokuhlangula okanye ukusindisa abantu esonweni nasekufeni. IBhayibhile ibhekisela kwigazi likaYesu elaphalalayo njengexabiso lentlawulelo. (Efese 1:7; 1 Petros 1:18, 19) Ngenxa yoko, uYesu wathi uze ‘kunikela ngomphefumlo wakhe ube yintlawulelo ngenxa yabaninzi.’—Mateyu 20:28.

Kwakutheni ukuze kufuneke ‘kuhlawulelwe abaninzi’?

Indoda yokuqala, uAdam, wayefezekile, okanye engenasono. Wayeza kuphila ngonaphakade kodwa waphulukana nelo thuba xa engazange athobele uThixo. (Genesis 3:17-19) Xa waba nabantwana, wabosulela ngesono. (Roma 5:12) Ngenxa yoku, iBhayibhile ithi uAdam ‘uthengise’ yena nabantwana bakhe ebukhobokeni besono nokufa. (Roma 7:14) Kuba bengafezekanga, akukho namnye kubo onokubuyisa oko kwalahlwa nguAdam.—INdumiso 49:7, 8.

UThixo wayisizela inzala kaAdam ngenxa yemeko yayo emaxongo. (Yohane 3:16) Noko ke, imilinganiselo yokusesikweni kaThixo yayifuna alibale okanye axolele izono zabo ngaphandle kwesizathu esivakalayo. (INdumiso 89:14; Roma 3:23-26) UThixo uyabathanda abantu, ngoko wenza indlela esemthethweni yokuba kungaxolelwa nje izono zabo, kodwa zitshitshiswe. (Roma 5:6-8) Intlawulelo lelo lungiselelo lisemthethweni.

Isebenza njani intlawulelo?

EBhayibhileni, igama elithi “intlawulelo” liquka ezi zinto zintathu zilandelayo:

  1. Yintlawulo.Numeri 3:46, 47.

  2. Izisa inkululeko, okanye ukuhlawulelwa.—Eksodus 21:30.

  3. Ilingana nexabiso lento ethe yahlawulwa, okanye iligubungele. a

Jonga indlela ezisebenza ngayo ezi zinto kwidini lentlawulelo likaYesu Kristu.

  1. Intlawulo. IBhayibhile ithi amaKristu ‘athengwa ngexabiso.’ (1 Korinte 6:20; 7:23) Loo ntlawulo ligazi likaYesu ‘awathengela uThixo abantu ngalo bephuma kuzo zonke izizwe neelwimi nabantu neentlanga.’—ISityhilelo 5:8, 9.

  2. Inkululeko. Ukuzincama kukaYesu kusenze ‘sakhululwa ngentlawulelo’ esonweni.—1 Korinte 1:30; Kolose 1:14; Hebhere 9:15.

  3. Ukulingana. Intlawulelo kaYesu ilingana ginci noko kwalahlwa nguAdam—ubomi bomntu obugqibeleleyo. (1 Korinte 15:21, 22, 45, 46) IBhayibhile ithi: “Kuba kanye njengokuba ngokungathobeli komntu omnye [uAdam] abaninzi benziwa aboni, ngokunjalo kwanangentobelo yomntu omnye [uYesu Kristu] abaninzi baya kwenziwa amalungisa.” (Roma 5:19) Oku kubonisa ukuba ukufa komntu omnye kungahlawulela aboni abaninzi. Enyanisweni, idini likaYesu ‘liyintlawulelo yabo bonke’ abathabatha amanyathelo afanelekileyo ukuze bazuze kulo.—1 Timoti 2:5, 6.

a EBhayibhileni, amagama aguqulelwe ngokuthi “intlawulelo” anikela ingcamango yexabiso okanye into exabisekileyo ebhatelweyo. Ngokomzekelo isenzi sesiHebhere uka·pharʹ sithetha ‘ukugubungela.’ (Genesis 6:14) Sidla ngokubhekisela ekugubungeleni isono. (INdumiso 65:3) Isibizo esihlobeneyo ukoʹpher sibhekisela kwixabiso elibhatelweyo ukuze kugutyungelwe okanye kuhlangulwe. (Eksodus 21:30) Ngokufanayo, igama lesiGrike ulyʹtron, elidla ngokuguqulelwa ngokuthi ‘intlawulelo,’ lisenokuguqulelwa ngokuthi ixabiso lokukhulula. (Mateyu 20:28) Ababhali bamaGrike babesebenzisa eli gama xa bebhekisela kwintlawulo eyenziwayo ukuze kukhululwe ibanjwa lemfazwe okanye ikhoboka.