Yiya kwinkcazelo

Ithini IBhayibhile Ngotywala? Ngaba Kusisono Ukusela Utywala?

Ithini IBhayibhile Ngotywala? Ngaba Kusisono Ukusela Utywala?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Ukusela utywala ngobungcathu akusosono. IBhayibhile ichaza iwayini njengesipho uThixo asinike abantu ukuze bonwabe. (INdumiso 104:14, 15; INtshumayeli 3:13; 9:7) IBhayibhile iyavuma ukuba iwayini isenokusebenza njengeyeza.—1 Timoti 5:23

UYesu wayisela iwayini ngoxa wayelapha emhlabeni. (Mateyu 26:29; Luka 7:34) Komnye weyona mimangaliso yakhe yaziwayo, uYesu wajika amanzi aba yiwayini eyaba sisipho kwitheko lomtshato.—Yohane 2:1-10

Iingozi zokusela ngokugqithiseleyo

Ngoxa iBhayibhile ikuvumela ukusela ngobungcathu, iyakwalela ukusela ngokugqithiseleyo nokunxila. Kungenxa yoko le nto umKristu okhetha ukusela utywala efanele enjenjalo ngobungcathu. (1 Timoti 3:8; Tito 2:2, 3) IBhayibhile ichaza izizathu ezininzi zokuphepha ukusela ngokugqithiseleyo.

  • Xa usele, kuba nzima ukucinga nokwenza izigqibo ezifanelekileyo. (IMizekeliso 23:29-35) Umntu onxilileyo akakwazi ukwenza oko iBhayibhile ithi masikwenze, ‘ukunikela imizimba yethu ibe yimibingelelo ephilayo, engcwele, eyamkelekileyo kuThixo, inkonzo ke leyo engcwele ngokwamandla ethu engqiqo.’—Roma 12:1

  • Ukusela ngokugqithiseleyo kuphelisa iintloni ibe ‘kususa intshukumisa elungileyo.’—Hoseya 4:11; Efese 5:18.

  • Kunokubangela ubuhlwempu neengxaki zempilo.—IMizekeliso 23:21, 31, 32.

  • Ukusela ngokugqithiseleyo nokunxila akumkholisi uThixo.—IMizekeliso 23:20; Galati 5:19-21.

Kuthetha ukuthini ukusela ngokugqithiseleyo?

Umntu sukube enxilile xa ukusela kwakhe kumbeka esichengeni sokwenzakalisa yena nabanye. Ngokutsho kweBhayibhile, ukunxila asikokutipa nje kuphela, kukwenza izinto ungekho zingqondweni, ukugxadazela, ukuba ndlongondlongo okanye ukuthetha into engavakaliyo. (Yobhi 12:25; INdumiso 107:27; IMizekeliso 23:29, 30, 33) Nkqu nabo bakuphephayo ukunxila ‘basindwa . . . kukusela kakhulu’ baze bafumane imiphumo emibi yoko.—Luka 21:34, 35

Kuphephe ngokupheleleyo

IBhayibhile iphinde ichaze amaxesha apho amaKristu afanele akuphephe ngokupheleleyo ukusela:

  • Ukuba ukusela kukhubekisa abanye.—Roma 14:21.

  • Ukuba ukusela utywala kwaphula umthetho wendawo ohlala kuyo.—Roma 13:1.

  • Ukuba awukwazi kuyilawula indlela osela ngayo. Abo banengxaki yokusela kakhulu utywala nezinye iindlela zokuzinkcinkca ngabo bafanele bakulungele ukuthabatha amanyathelo ayimfuneko.—Mateyu 5:29, 30.