Yiya kwinkcazelo

Ngaba Ukhona Umntu Owaziyo Ukuba IBhayibhile Yabhalwa Ngubani?

Ngaba Ukhona Umntu Owaziyo Ukuba IBhayibhile Yabhalwa Ngubani?

Impendulo esuka eBhayibhileni

 Abantu abaninzi baxelelwa ukuba asinakude simazi umntu owabhala iBhayibhile. Kodwa iBhayibhile iyabachaza ababhali bayo. Ezinye iincwadi zeBhayibhile ziqala ngokuthi “amazwi kaNehemiya,” “umbono kaIsaya,” nokuthi “ilizwi likaYehova elafika kuYoweli.”—Nehemiya 1:1; Isaya 1:1; Yoweli 1:1.

 Ababhali beBhayibhile abaninzi bavuma ukuba babhala izinto abazithunywe nguYehova, uThixo okuphela koyinyaniso. Kwizihlandlo ezingaphezu kwama-300, abaprofeti ababhala iZibhalo zesiHebhere bathi: “Utsho uYehova ukuthi.” (Amosi 1:3; Mika 2:3; Nahum 1:12) Abanye ababhali banikwa imiyalelo kaThixo ziingelosi.—Zekariya 1:7, 9.

 IBhayibhile yabhalwa ngamadoda amalunga nama-40 ngeminyaka emalunga ne-1 600. Amanye amadoda asetyenziswa ukubhala iincwadi ezingaphezu kwenye. IBhayibhile sinokude sithi lithala elincinane leencwadi ezingama-66. Ineencwadi ezingama-39 zeZibhalo zesiHebhere, ezibizwa ngabaninzi ngokuba yiTestamente Endala, neencwadi ezingama-27 zeZibhalo zamaKristu zesiGrike, ezidla ngokubizwa ngokuba yiTestamente Entsha.