Yiya kwinkcazelo

Ukuqonda IBhayibhile—Zintoni Ezifunekayo?

Ukuqonda IBhayibhile—Zintoni Ezifunekayo?

Impendulo yeBhayibhile

IBhayibhile iyayichaza into ekufuneka uyenze ukuze uyiqonde. Nokuba imvelaphi yakho injani, isigidimi sikaThixo esiseBhayibhileni ‘asinzima kuwe, yaye asikude.’—Duteronomi 30:11.

Izinto ezinokwenza uyiqonde iBhayibhile

  1. Zimisele ukwamkela oko ikuthethayo. Yamkele njengeLizwi likaThixo. Thobeka, kuba uThixo akabafuni abantu abanekratshi. (1 Tesalonika 2:13; Yakobi 4:6) Noko ke, sukuyikholelwa into oyifundayo xa ungayiqondi kakuhle—uThixo ufuna usebenzise ‘amandla akho engqiqo.’—Roma 12:1, 2.

  2. Thandazela ubulumko. KwiMizekeliso 3:5 iBhayibhile ithi, “Ungayami ngokwakho ukuqonda.” Kunoko, ‘qhubeka ucela kuThixo’ ubulumko bokuyiqonda iBhayibhile.—Yakobi 1:5.

  3. Fundisisa ngalo lonke ixesha. Uya kuzuza ngakumbi xa uyifunda rhoqo iBhayibhile, ungayindwendweli.—Yoshuwa 1:8.

  4. Funda ngokwemixholo. Ukufunda ngemixholo, apho uhlolisisa oko kuthethwa yiBhayibhile ngaloo mxholo okanye umbandela othile, yeyona ndlela iphumelelayo yokufunda iZibhalo. Qala ‘ngeemfundiso zabaqalayo,’ ngokungathi kunjalo, uze ‘uqhubele phambili kwezo zamakholwa akhulileyo.’ (Hebhere 6:1, 2, iBhayibhile yesiXhosa ka-1996) Uya kufumanisa ukuba unokuthelekisa izibhalo uze ufunde ukuba enye esinye isibhalo sicacisa esinye, nezo ‘kunzima ukuziqonda.’—2 Petros 3:16.

  5. Cela uncedo kwabanye. IBhayibhile isikhuthaza ukuba samkele uncedo esilufumana kubantu abayaziyo. (IZenzo 8:30, 31) AmaNgqina kaYehova afundisa abantu iBhayibhile simahla. NjengamaKristu enkulungwane yokuqala, asebenzisa iincwadi ezicacisa iZibhalo ukuze ancede abanye baqonde eyona nto ifundiswa yiBhayibhile.—IZenzo 17:2, 3.

Izinto ekungeyomfuneko ukuba ube nazo

  1. Ingqondo ekrelekrele okanye imfundo ephakamileyo. Abapostile bakaYesu abayi-12 babeziqonda iZibhalo yaye bezifundisa abanye, nangona babesaziwa njengabantu “abangenamfundo nabaqhelekileyo.”—IZenzo 4:13.

  2. Imali. Unokufunda oko kuthethwa yiBhayibhile ungakhange udleke nesenti. UYesu waxelela abafundi bakhe oku: “Namkele ngesisa, yiphani ngesisa.”—Mateyu 10:8.