Yiya kwinkcazelo

Ngaba Konke Ukubandezeleka Kubangelwa NguMtyholi?

Ngaba Konke Ukubandezeleka Kubangelwa NguMtyholi?

Impendulo esuka eBhayibhileni

IBhayibhile ibonisa ukuba uSathana uMtyholi ngumntu wokwenene, ufana nomphathi wezaphuli-mthetho yaye uqinisekisa ukuba ukuthanda kwakhe kuyenziwa esebenzisa ‘imiqondiso yobuxoki nenkohliso.’ IBhayibhile ide ithi “uzimilisa okwengelosi yokukhanya.” (2 Tesalonika 2:9, 10; 2 Korinte 11:14) Ubukho bukaMtyholi sibubona ngomonakalo awenzayo.

Noko ke, uMtyholi akangonobangela wako konke ukubandezeleka. Kutheni sisitsho nje? UThixo wadala abantu banenkululeko yokuzikhethela ukwenza okulungileyo okanye okubi. (Yoshuwa 24:15) Xa sikhetha ukwenza izinto ezimbi, sivuna okubi.—Galati 6:7, 8.