Yiya kwinkcazelo

UKUNCEDA IINTSAPHO

Indlela Onokuwulawula Ngayo Umsindo

Indlela Onokuwulawula Ngayo Umsindo

 Umntu otshate naye uthetha okanye enze into ekucaphukisayo uze uzifihle ukuba unomsindo. Emva koko uqaphela ukuba ikhona ingxaki aze akubuze. Loo nto ikucaphukisa ngakumbi. Unokwenza ntoni xa unomsindo kwiimeko ezinje?

 Oko umele ukwazi

  •   Ukuzivumela ukuba ube nomsindo kunokukugulisa. Uphando lubonisa ukuba ukungawulawuli umsindo kunokukwenza ube nehigh blood, isifo sentliziyo, ukhathazeke kakhulu kube nzima nokuba umzimba ucole ukutya. Umsindo unokubangela ukuba ube nengxaki yokungalali, ube nexhala kakhulu, ube neengxaki zolusu nesitrowukhu. Yiyo loo nto iBhayibhile isithi: “Wuyeke umsindo.”​—INdumiso 37:8.

  •   Kunokuba yingozi ukuzifihla ukuba unomsindo. Ukuba awuyeki ukuba nomsindo, loo nto inokukwenzakalisa ngaphakathi. Ngokomzekelo, usenokuqalisa ukuba nomkhwa wokugxeka. Loo nto inokubangela abantu ukuba bangakufuni ukuhlala nawe ibe oko kunokuba yingxaki emtshatweni wakho.

 Oko unokukwenza

  •   Jonga izinto ezintle kumntu otshate naye. Bhala izinto ezintathu ozithandayo ngaye. Xa ephinde wakucaphukisa, cinga ngeza zinto uzibhalileyo. Le nto inokukunceda ukwazi ukuwulawula umsindo.

     Umgaqo weBhayibhile: “Hlalani ninombulelo.”​—Kolose 3:15.

  •    Xolela. Okokuqala, zama ukujonga izinto ngendlela azibona ngayo umntu otshate naye. Loo nto iza kukunceda ukwazi ukumcingela, nto leyo ethi iBhayibhile xa iyichaza ‘kukuvelana.’ (1 Petros 3:8) Emva koko, zibuze, ‘Ngaba le nto indicaphukisayo ibaluleke kangako kangangokuba andinakukwazi ukuxolela?’

     Umgaqo weBhayibhile: “Kuyinto entle. . . ukukubetha ngoyaba ukunxaxha.”​—IMizekeliso 19:11.

  •    Mxelele kakuhle indlela ovakalelwa ngayo. Xa uthetha, ithi “ndi.” Ngokomzekelo, endaweni yokuba uthi, “Awundikhathalelanga xa ungandifowuneli ukuze undixelele ukuba uphi,” ithi, “Ndiba nexhala xa ndingayazi ukuba uphi ebusuku.” Ukumxelela kakuhle indlela ovakalelwa ngayo kunokukunceda ukwazi ukuwulawula umsindo.

     Umgaqo weBhayibhile: “Amazwi enu makasoloko ekholekile, enongwe ngetyuwa.”​—Kolose 4:6.

  •    Mmamele kakuhle. Emva kokuba umxelele indlela ovakalelwa ngayo, mmamele xa ephendula, ungakhange umphazamise. Xa egqibile ukuthetha, phinda uyithethe le nto ebeyithetha ngale ndlela uyive ngayo ukuze uqiniseke ukuba umve kakuhle. Ukumamela nje qha kunokukunceda ukwazi ukuwulawula umsindo.

     Umgaqo weBhayibhile: ‘Khawuleza ukuva, ucothe ukuthetha.’​—Yakobi 1:19.